Impuku yedolophu kunye nempuku yasemaphandleni
| eGrisi
Utyelela umhlobo wakhe wasesixekweni, impuku yasemaphandleni imangaliswa bubomi obuzaliswe zizinto ezimnandi. Kodwa, ingaba iyamangalisa njengoko ibonakala?

Kwathi ke kaloku, kwidolophu eyayiphithizela, igcwele zizibane ezikhanyayo neezithuthi. kwakukho impuku yedolophu. Yayithanda imiqamelo ethambileyo, ukutya okunencasa kunye nezidlo ezikhulu rhoqo.
Kude apho, emaphandleni azolileyo, kwakuhlala umhlobo wakhe omkhulu, impuku yasemaphandleni. Ubomi bakhe babulula, kubetha umoya opholileyo, amasimi evulekile, enako ukutya okuncinci kodwa kumandi.
Ngenye imini, impuku yedolophu yatyelela umhlobo wayo. ILanga laligqatsa emasimini, yaye umoya wawunuka iintyatyambo. e Impuku yasemaphandleni yamamkela ngokufudumeleyo.
"Wamkelekile, mhlobo! Ndikwenzele isidlo esimnandi!" wancwina, ebeka iinkozo, iingcambu namaqunube.
Impuku yedolophu yaluma, yaza yafinga iintshiyi. "Mhlobo wam endimthandayo, oku kutya akunikisi mdla, ! Edolophini, sinetshizi, ikeyiki, neziqhamo ezimnandi.. Kufuneka uze uzozibonela!"
Yakhupha amehlo impuku yasemaphandelni, "Itshizi kunye nekeyiki? kuvakala kumangalisa! oko"
Ngosuku olulandelayo, bakhawuleza ukuya esixekweni.Impuku yasemaphandleni yamangaliswa zizakhiwo ezinde, izibane eziqaqambileyo namavumba amnandi. Impuku yedolophu yamkhokelela kwindlu enkulu apho akutya kwakugcwele itafile iitshizi, amandongomane, iziqhamo kunye nekeyiki.
"Yiya! Yitya kangangoko uthanda!" impuku yedolophu yathetha ngokuzingca.
Impuku yasemaphandleni yayonwabele eyona itshizi imandi. Kodwa yathi yakufika ekeyikini ucango lwavaleka ngesithonga esikhulu. Kwavakala izingqi zeenyawo zizitsho phanntsi. i. Yayingabantu ababehlala apho, kunye nekati yabo enkulu eyoyikekayo
"Khawuleza! Fihla!" impuku yedolophu yasebeza.
Iimpuku zabaleka ngokukhawuleza kangangoko zinako, zachitha ubusuku zizimele emva kwezitulo, phantsi kweeragi, nangasemva kweekomityi zeti.
Ekuseni, impuku yasemaphandleni yayidiniwe. Yajonga esidlo eiskhulu, emva koko yamjonga umhlobo wakhe.
"Enkosi ngohambo," watsho, "kodwa le asiyondlela yokuphila! Ndingathanda ukuba nesidlo esilula kwaye ndilale ngoxolo kunokuba nditye njengekumkani kodwa ndiphile ngoloyiko."
Impuku yedolophu yaphefumlela ezantsi. “Ayinguye wonke umntu owenzelwe ubomi besedolophini.”
Bathi ndlela-ntle, yaza impuku yasemaphandleniyabuyela kwikhaya layo elizolileyo nelikhuselekileyo.



