Umvundla kunye nencanda
Grimm Brothers | eJamani
Ugezelwa ngenxa yemilenze yakhe emifutshane, incanda elikhalipha icela umngeni kugqatso nomvundla. Ingaba uya kuphumelela kumvundla?

Impungutye ekrelekrele idlala iqhinga kwingwamza kwisidlo sangokuhlwa. Kodwa xa ilithuba lengwamza ukulungiselela ukutya, ngubani ozakuhlakanipha kunomnye?

UAnansi, isigcawu esincinci, esikrelekrele, ucela umngeni kwindlovu kunye nemvubu ukuba ziqubisane kumdlalo wokutsalana. Ingaba ubukrelekrele baso bunokuphumelela ehlathini?

Iimpuku zicinga ngecebo elikrelekrele lokuzigcina zikhuselekile kwikati. Kodwa kwenzeka ntoni xa ilixesha lokuba basenze isigcwangciso sabo?

Ixhego lijongene neziganeko ezilungileyo nezimbi ngokuzolileyo. Ingaba into ekhangeleka ngathi lishwangusha inokuzisa into entle, okanye ngenye indlela?

Umgawuli (Umntu ocanda iinkuni) unceda impungutye ukuba izimele kodwa ngokufihlakeleyo abonise indawo yayo yokuzimela. Ucinga ukuba yaziva njani impungutye emva koko?

Utatomkhulu uphathwa kakubi ngunyana nomolokazana wakhe. Yintoni eya kubanceda bayiqonde impazamo yabo baze batshintshe indlela abamphatha ngayo?

Inesithukuthezi nokugeza, inkwenkwe engumalusi iqhatha abantu belali ngokukhwaza ingcuka. Kodwa kuya kwenzeka ntoni xa ekugqibeleni kuvela ingcuka yokwenene?

Utyelela umhlobo wakhe wasesixekweni, impuku yasemaphandleni imangaliswa bubomi obuzaliswe zizinto ezimnandi. Kodwa, ingaba iyamangalisa njengoko ibonakala?
Ngentsasa yangeCawa ngexesha lokuvuna, incanda yema emnyangweni wayo. Weva impepho epholileyo waza wantyiloza kancinane. Umfazi wakhe wayehlamba esomisa abantwana babo, wagqiba kwelokuba ahambe ayojonga izityalo zakhe. Kuba usapho lwakhe lwaluzitya oko, wayezigqala njengezibalulekileyo.
Wavala ucango lwakhe, waqalisa ukuya kwibala lakhe lezizityalo. Engahambanga mgama umde, wadibana nomvundla, owawuzijongele ikhaphetshu.
"Molo ngalentsasa!"ibulise yenjenje incanda.
Umvundla onekratshi, okrwada akazange awubuyise umbuliso. Endaweni yoko, wahlekisa esithi, “Kutheni uphume ngentsasa kangaka?”
“Ndiyazihambela nje,” yatsho incanda.
"Uyahamba?" wahleka umvundla. "Ngaloo milenze mifutshane? Kufuneka ufumane enye into eluncedo onokuyenza."
Incanda yamcela-umngeni, sele inomsindo. “Ucinga ukuba ungabaleka wodlule nam?
"Injalo!" wahleka umvundla.
“Masibaleke ke,” yatsho incanda. Bavumelana ukuba babalekele ingqekembe yegolide kunye nebhotile yebranti. Incanda yathi idinga isidlo sakusasa kuqala, kwaye iza kubuya emva kwesiqingatha seyure. Umvundla wavuma ukulinda.
Ekhaya, incanda yaxelela umfazi wayo malunga nogqatso.
"Ingaba uphambene?" wabuza. “Ungawushiya njani umvundla?”
“Ungakhathazeki,” watsho. Ndinecebo.
Bathi besahamba, wacacisa ,"Siza kubaleka kwimiqolo eyahlukileyo. Wena ume ekupheleni kowam.” Xa umvundla usondela, uvele ukhwaze`, “Sele ndilapha”.
Ebaleni, wabonisa umfazi wakhe indawo amakame kuyo waza waya kwindawo abazokuqala kuyo, apho wawulinde umvundla.
"Singaqala?" wabuza umvundla.
“Ewe,” yatsho incanda. "Zilungiselele!"
Umvundla wabala, “Inye, zimbini, zintathu,” wabaleka wemka. Incanda yabaleka yathathisa kancinci, emva koko yazimela.
Xa umvundla ufika esiphelweni, umfazi wencanda wakhwaza wathi, "Sele ndifikile!"
Emangalisiwe, umvundla awuzange uqonde ukuba ngumfazi wencanda kuba babefana.
Umvundla awuzange ukholelwe ukuba woyisiwe, ngoko waphinda wazingisa ukuba abaleke. Baphinda babaleka baphindela ngapha nangapha. Kodwa ngalo lonke ixesha, ilizwi lencanda lalikhwaza lisithi, “Sele ndifikile!” ukusuka ekupheleni komqolo. Wadinwa kakhulu umvundla wabhideka, kodwa wala ukunikezela. Emva kwemitsi emashumi asixhenxe anesine, imilenze yakhe yaphelelwa ngamandla waza wawa phantsi, edinwe eyimfe ukuba angaqhubeka.
Incanda yathatha inzuzo yayo yokuphumelela, yagoduka yonwabile nomfazi wayo. Ukususela ngaloo mini, akukho mvundla waphinda wacela-umngeni wogqatso kwincande.

Isele echibini
Isele elizonwabeleyo lazi ichibi lalo kuphela, lidibana nofudo lubalise ngebomi obubanzi bolwandle. Ingaba isele luyokuzuza ntoni ngaphaya kwekhaya lalo encinane?

Unomyayi nejokho
Unomyayi onxaniweyo ubhaqa ijokho enamanzi kodwa asezantsi kakhulu. Leliphi iqhinga anolisebenzisa ukuze asele amanzi?

Iikati ezimbini kunye nenkawu
Iikati ezimbini zifumana isonka kodwa ziyaphikisana ngokwabelana ngesonka ngokulinganayo. Inkawu enobuqhophololo inika uncedo, kodwa ingaba inkawu ifanelwe yintembeko yazo?

Inyanda yeenkuni
Xa umfama ezisa inyanda yeenkuni koonyana bakhe, bayayeka ukuxambulisana. Bafundiswe njani yinyanda nje yeenkuni?

Umfama nenkosikazi yakhe banambitha ubutyebi kumaqanda abo egolide erhanisi. Kwenzeka ntoni xa ukubawa kubenza bafune yonke igolide ngaxeshanye?

Ingcuka elambileyo inomona ngobomi benja eyondliwe kakuhle ngabantu. Ingaba uya kuyincama inkululeko yakhe, eyincamela ukutya?

Umqingqi wamatye unqwenela ukuba ngumntu omkhulu ngalo lonke ixesha ebona amandla angakumbi. Kodwa ingaba ukufumana yonke into ayifunayo kuya kumenza onwabe ngokwenene?

Umoya onamandla waseMantla neLanga elizolileyo zizama ukwenza umkhenkethi akhulule ibhatyi yakhe ukubonakalisa ukuba ngubani onamandla. Ngomphi ozophumelela?

Utata nonyana bahamba nedonki. Wonke umntu unento yokuthetha. Kwenzeka ntoni xa bezama ukubakholisa bonke?

Intombazana eselula yobisi iphupha ngayo yonke into enokuthi iyenze ngemali yobisi lwayo. Yintoni enokuthi yenzeke xa lamaphupha wakhe enokususa amehlo akhe kwinto ekhoyo nanayo kungoku?

Noxa intethe idanisa ehlotyeni, imbovane isebenza nzima, iqokelela ukutya. Sesiphi esiya kusinda xa kufika ubusika?

Ingonyama ixolela impuku ethembisa ngokubuyekeza inceba ngeny'imini. Ingabe impukwana ingaze iyincede njani ingonyama?
