Iikati ezimbini kunye nenkawu
Vishnu Sharma | E-Indiya
Iikati ezimbini zifumana isonka kodwa ziyaphikisana ngokwabelana ngesonka ngokulinganayo. Inkawu enobuqhophololo inika uncedo, kodwa ingaba inkawu ifanelwe yintembeko yazo?

Utyelela umhlobo wakhe wasesixekweni, impuku yasemaphandleni imangaliswa bubomi obuzaliswe zizinto ezimnandi. Kodwa, ingaba iyamangalisa njengoko ibonakala?

Ngokuzinza nomonde, ufudo oluhamba kancinci lungena kukhuphiswano nomvundla ozithembileyo. Ngubani oya kuwela umgca wokugqiba kuqala?

Umgawuli (Umntu ocanda iinkuni) unceda impungutye ukuba izimele kodwa ngokufihlakeleyo abonise indawo yayo yokuzimela. Ucinga ukuba yaziva njani impungutye emva koko?

Umqingqi wamatye unqwenela ukuba ngumntu omkhulu ngalo lonke ixesha ebona amandla angakumbi. Kodwa ingaba ukufumana yonke into ayifunayo kuya kumenza onwabe ngokwenene?

Ixhego lijongene neziganeko ezilungileyo nezimbi ngokuzolileyo. Ingaba into ekhangeleka ngathi lishwangusha inokuzisa into entle, okanye ngenye indlela?

Noxa intethe idanisa ehlotyeni, imbovane isebenza nzima, iqokelela ukutya. Sesiphi esiya kusinda xa kufika ubusika?

Ugezelwa ngenxa yemilenze yakhe emifutshane, incanda elikhalipha icela umngeni kugqatso nomvundla. Ingaba uya kuphumelela kumvundla?

Utatomkhulu uphathwa kakubi ngunyana nomolokazana wakhe. Yintoni eya kubanceda bayiqonde impazamo yabo baze batshintshe indlela abamphatha ngayo?
Kudala, kwakukho iikati ezimbini ezazingabahlobo abasenyongweni, zazonwabele iintsuku zazo kunye. Zazihlola iindawo, zileqa amabhabhathane,zakudinwa zilala elangeni.
Ngenye injikalanga , zahamba phakathi kwemithi. Emva koko, zabona iqhekeza lesonka phantsi. Kusenokwenzeka ukuba siwe kwipikiniki. Amehlo azo akhanya yimincili.
“Sinethamsanqa kakhulu!” enye yacinga njalo, enye yabe izibuza ukuba ingaba zizokwabelana ngokufanelekileyo njani.”
Zahlala phantsi, zajonga isonka. Zavuma ukwabelana kodwa zathandabuza. Zazinokusohlula njani silingane? Zombini zazifuna isabelo esifanelekileyo, kodwa engekho owayethemba omnye ukuba engabela ngokufanelekileyo.
Zithe zisaxambulisana, zaviwa yinkawu eyayihleli kwisebe lomthi, yajinga yeza kuzo inoncumo. "Kutheni nisilwa? Ndingasahlula ngokufanelekileyo mna."
Iikati zazingaqinisekanga, kodwa zanikezela ngesonka. Inkawu yayisiqhekeza sangamaceba amabini, yaze yaqumba. Elinye lalilikhulu. “Owu hayi!,” yatsho, ethatha intwana kwiqhekeza elikhulu ukuze alilungise. Kodwa ngoku, iqhekeza ebelincinci lalibonakala likhulu. Waphinda waqhekeza. Yaqhubekeka inkawu iluma isonka, kwade akwabikho nto iseleyo. Iikati ezimbini zabukela kalusizi njengoko inkawu isitya iimvuthuluka zokugqibela zezonka zazo. Ikhothe iminwe yayo, yaphefumla ngokubaxekileyo. Emva koko, yakhwela emthini kwakhona ngokukhawuleza yaze yathi shwaka.
Iikati zaziva zidanile kwaye zazisola ngokungazisombululi ingxaki ngokwazo. Akwaba zazisebenzisene. Ukusukela ngaloo mini ukuya phambili, bathembisa ngokuhlala befumana indlela yokwabelana kunye nokusebenzisana, beqinisekisa ukuba akukho mntu unokuphinda abaqhathe.

Intwazana yobisi ne-emele yayo
Intombazana eselula yobisi iphupha ngayo yonke into enokuthi iyenze ngemali yobisi lwayo. Yintoni enokuthi yenzeke xa lamaphupha wakhe enokususa amehlo akhe kwinto ekhoyo nanayo kungoku?

Inja kunye nengcuka
Ingcuka elambileyo inomona ngobomi benja eyondliwe kakuhle ngabantu. Ingaba uya kuyincama inkululeko yakhe, eyincamela ukutya?

Irhanisi elabeka amaqanda eGolide
Umfama nenkosikazi yakhe banambitha ubutyebi kumaqanda abo egolide erhanisi. Kwenzeka ntoni xa ukubawa kubenza bafune yonke igolide ngaxeshanye?

Inkwenkwe ekhaliswa yingcuka
Inesithukuthezi nokugeza, inkwenkwe engumalusi iqhatha abantu belali ngokukhwaza ingcuka. Kodwa kuya kwenzeka ntoni xa ekugqibeleni kuvela ingcuka yokwenene?

Xa umfama ezisa inyanda yeenkuni koonyana bakhe, bayayeka ukuxambulisana. Bafundiswe njani yinyanda nje yeenkuni?

Ingonyama ixolela impuku ethembisa ngokubuyekeza inceba ngeny'imini. Ingabe impukwana ingaze iyincede njani ingonyama?

Umoya onamandla waseMantla neLanga elizolileyo zizama ukwenza umkhenkethi akhulule ibhatyi yakhe ukubonakalisa ukuba ngubani onamandla. Ngomphi ozophumelela?

Isele elizonwabeleyo lazi ichibi lalo kuphela, lidibana nofudo lubalise ngebomi obubanzi bolwandle. Ingaba isele luyokuzuza ntoni ngaphaya kwekhaya lalo encinane?

Iimpuku zicinga ngecebo elikrelekrele lokuzigcina zikhuselekile kwikati. Kodwa kwenzeka ntoni xa ilixesha lokuba basenze isigcwangciso sabo?

Emva kokutyibilika emlanjeni, idonki libona umthwalo wayo onzima usiba khaphukhaphu. Kodwa kwenzeka ntoni xa eqalisa ukwenza ngabom?

Utata nonyana bahamba nedonki. Wonke umntu unento yokuthetha. Kwenzeka ntoni xa bezama ukubakholisa bonke?

UAnansi, isigcawu esincinci, esikrelekrele, ucela umngeni kwindlovu kunye nemvubu ukuba ziqubisane kumdlalo wokutsalana. Ingaba ubukrelekrele baso bunokuphumelela ehlathini?
