Imbovane kunye nentethe
Aesop | eGrisi
Noxa intethe idanisa ehlotyeni, imbovane isebenza nzima, iqokelela ukutya. Sesiphi esiya kusinda xa kufika ubusika?

Iikati ezimbini zifumana isonka kodwa ziyaphikisana ngokwabelana ngesonka ngokulinganayo. Inkawu enobuqhophololo inika uncedo, kodwa ingaba inkawu ifanelwe yintembeko yazo?

Ingcuka elambileyo inomona ngobomi benja eyondliwe kakuhle ngabantu. Ingaba uya kuyincama inkululeko yakhe, eyincamela ukutya?

Emva kokutyibilika emlanjeni, idonki libona umthwalo wayo onzima usiba khaphukhaphu. Kodwa kwenzeka ntoni xa eqalisa ukwenza ngabom?

Utatomkhulu uphathwa kakubi ngunyana nomolokazana wakhe. Yintoni eya kubanceda bayiqonde impazamo yabo baze batshintshe indlela abamphatha ngayo?

Inesithukuthezi nokugeza, inkwenkwe engumalusi iqhatha abantu belali ngokukhwaza ingcuka. Kodwa kuya kwenzeka ntoni xa ekugqibeleni kuvela ingcuka yokwenene?

Impungutye ekrelekrele idlala iqhinga kwingwamza kwisidlo sangokuhlwa. Kodwa xa ilithuba lengwamza ukulungiselela ukutya, ngubani ozakuhlakanipha kunomnye?

Ixhego lijongene neziganeko ezilungileyo nezimbi ngokuzolileyo. Ingaba into ekhangeleka ngathi lishwangusha inokuzisa into entle, okanye ngenye indlela?

Umgawuli (Umntu ocanda iinkuni) unceda impungutye ukuba izimele kodwa ngokufihlakeleyo abonise indawo yayo yokuzimela. Ucinga ukuba yaziva njani impungutye emva koko?
Ngemini eshushu yasehlotyeni, kwintsimi enkulu enengca, imbovane encinane yayixakekile isebenza. Yathwala iinkozo ezinzima zengqolowa kunye nombona yabuyela ekhayeni layo, inyathelo ngenyathelo elincinci. Yayisazi ukuba xa kufika ubusika, kwakunzima ukufumana ukutya.
Kufuphi, intethe yayizonwabele. Yayicula iingoma ezichwayitileyo, idanisa elangeni, yaye idlala ivayolin yayo. Ingenalo nexhala elinye.
“Mbovane, kutheni usebenza nzima kangaka?” intethe yabuza, ibetha ivayolin yayo. “ILanga liyakhanya, kwaye kukho ukutya okuninzi kuyo yonke indawo! Yiza, ucule nam!”
Imbovane yosula ibunzi yaza yashukumisa intloko. “Ndigcina ukutya, ebusika xakufika ingqele, akusayi kubakho nto iseleyo yokutya.”
Yahleka intethe. “ubusika bukude! Masonwabe namhlanje!” Watsibela emoyeni waza wadlala enye ingoma.
Imihla ngemihla, imbovane yayisebenza, noxa intethe yayidanisa, icula yaye idlala.
Kwandula ke, kwafika ubusika. ILanga lanyamalala emva kwamafu angwevu, yaye ikhephu lagubungela amasimi. Intethe yangcangcazela yingqele. Isisu sakhe saduma, kodwa akuzange kufumaneke ukutya.
Ephelelwe lithemba, wankqonkqoza kucango lwembovane. “Mbovane, ndicela undincede,” wacenga. “Andinanto yokutya. Ingaba ungabelana ngokutya?”
Imbovane yakroba kwikhaya layo elifudumeleyo nelithuthuzelayo, elizaliswe kukutya eyayikusebenzele nzima ikuqokelela. Yancwina, “ntethe, ubudlala ihlobo lonke ngelixa ndisebenza. Ngoku ubusika bulapha, kwaye akukho okwanele thina sobabini.”
Waluvala ngobunono ucango, eshiya intethe ngaphandle kubanda.
Njengoko ikhephu lalisiwa ngakuye, intethe yagona isisu sayo esingenanto yaza yanqwenela ukuba yayimamele imbovane.

Indoda, inkwenkwana, kunye nedonki
Utata nonyana bahamba nedonki. Wonke umntu unento yokuthetha. Kwenzeka ntoni xa bezama ukubakholisa bonke?

Unomyayi nejokho
Unomyayi onxaniweyo ubhaqa ijokho enamanzi kodwa asezantsi kakhulu. Leliphi iqhinga anolisebenzisa ukuze asele amanzi?

Umvundla kunye nencanda
Ugezelwa ngenxa yemilenze yakhe emifutshane, incanda elikhalipha icela umngeni kugqatso nomvundla. Ingaba uya kuphumelela kumvundla?

Ukufaka ikati intsimbi
Iimpuku zicinga ngecebo elikrelekrele lokuzigcina zikhuselekile kwikati. Kodwa kwenzeka ntoni xa ilixesha lokuba basenze isigcwangciso sabo?

Umfama nenkosikazi yakhe banambitha ubutyebi kumaqanda abo egolide erhanisi. Kwenzeka ntoni xa ukubawa kubenza bafune yonke igolide ngaxeshanye?

Umoya onamandla waseMantla neLanga elizolileyo zizama ukwenza umkhenkethi akhulule ibhatyi yakhe ukubonakalisa ukuba ngubani onamandla. Ngomphi ozophumelela?

Intombazana eselula yobisi iphupha ngayo yonke into enokuthi iyenze ngemali yobisi lwayo. Yintoni enokuthi yenzeke xa lamaphupha wakhe enokususa amehlo akhe kwinto ekhoyo nanayo kungoku?

Utyelela umhlobo wakhe wasesixekweni, impuku yasemaphandleni imangaliswa bubomi obuzaliswe zizinto ezimnandi. Kodwa, ingaba iyamangalisa njengoko ibonakala?

UAnansi, isigcawu esincinci, esikrelekrele, ucela umngeni kwindlovu kunye nemvubu ukuba ziqubisane kumdlalo wokutsalana. Ingaba ubukrelekrele baso bunokuphumelela ehlathini?

Ingonyama ixolela impuku ethembisa ngokubuyekeza inceba ngeny'imini. Ingabe impukwana ingaze iyincede njani ingonyama?

Umqingqi wamatye unqwenela ukuba ngumntu omkhulu ngalo lonke ixesha ebona amandla angakumbi. Kodwa ingaba ukufumana yonke into ayifunayo kuya kumenza onwabe ngokwenene?

Xa umfama ezisa inyanda yeenkuni koonyana bakhe, bayayeka ukuxambulisana. Bafundiswe njani yinyanda nje yeenkuni?
