Imbovane kunye neNtethe
| eGrisi
Noxa intethe idanisa ehlotyeni, imbovane isebenza nzima, iqokelela ukutya. Sesiphi esiya kusinda xa kufika ubusika?

Ngemini eshushu yasehlotyeni, kwintsimi enkulu enengca, imbovane encinane yayixakekile isebenza. Yathwala iinkozo ezinzima zengqolowa kunye nombona yabuyela ekhayeni layo, inyathelo ngenyathelo elincinci. Yayisaziukuba xa kufika ubusika, kwakunzima ukufumana ukutya.
Kufuphi, intethe yayizonwabele. Wayecula iingoma ezichwayitileyo, idanisa elangeni, yaye edlala ivayolin yayo. Engenalo nexhala elinye.
“Imbovane, kutheni usebenza nzima kangaka?” intethe yabuza, ibetha ivayolin yayo. “ILanga liyakhanya, kwaye kukho ukutya okuninzi kuyo yonke indawo! Yiza, ucule nam!”
Imbovane yosula ibunzi yaza yamshukumisa intloko. “Ndigcina ukutya, ebusika xakufika ingqele, akusayi kubakho nto iseleyo yokutya.”
Yahleka intethe. “ubusika bukude! Masonwabe namhlanje!” Watsibela emoyeni waza wadlala enye ingoma.
Imihla ngemihla, imbovane yayisebenza, noxa intethe yayidanisa, icula yaye idlala.
Kwandula ke, kwafika ubusika. ILanga lanyamalala emva kwamafu angwevu, yaye ikhephu lagubungela amasimi. Intethe yangcangcazela yingqele. Isisu sakhe saduma, kodwa akuzange kufumaneke ukutya.
Ephelelwe lithemba, wankqonkqoza kucango lwembovane. “Mbovane, ndicela undincede,” wacenga. “Andinanto yokutya. Ngaba ungabelana ngokutya?”
Imbovane yakroba kwikhaya layo elifudumeleyo nelithuthuzelayo, elizaliswe kukutya eyayikusebenzele nzima ukuqokelela. Wancwina. “ntethe, ubudlala ihlobo lonke ngelixa ndisebenza. Ngoku ubusika bulapha, kwaye akukho okwanele thina sobabini.”
Waluvala ngobunono ucango, eshiya intethe ngaphandle kubanda.
Njengoko ikhephu laliwa ngakuye, intethe yagona isisu sayo esingenanto yaza yanqwenela ukuba yayimamele imbovane.



