Inja kunye nengcuka
Aesop | eGrisi
Ingcuka elambileyo inomona ngobomi benja eyondliwe kakuhle ngabantu. Ingaba uya kuyincama inkululeko yakhe, eyincamela ukutya?

Utyelela umhlobo wakhe wasesixekweni, impuku yasemaphandleni imangaliswa bubomi obuzaliswe zizinto ezimnandi. Kodwa, ingaba iyamangalisa njengoko ibonakala?

Umoya onamandla waseMantla neLanga elizolileyo zizama ukwenza umkhenkethi akhulule ibhatyi yakhe ukubonakalisa ukuba ngubani onamandla. Ngomphi ozophumelela?

Iimpuku zicinga ngecebo elikrelekrele lokuzigcina zikhuselekile kwikati. Kodwa kwenzeka ntoni xa ilixesha lokuba basenze isigcwangciso sabo?

Xa umfama ezisa inyanda yeenkuni koonyana bakhe, bayayeka ukuxambulisana. Bafundiswe njani yinyanda nje yeenkuni?

Utata nonyana bahamba nedonki. Wonke umntu unento yokuthetha. Kwenzeka ntoni xa bezama ukubakholisa bonke?

Iikati ezimbini zifumana isonka kodwa ziyaphikisana ngokwabelana ngesonka ngokulinganayo. Inkawu enobuqhophololo inika uncedo, kodwa ingaba inkawu ifanelwe yintembeko yazo?

Inesithukuthezi nokugeza, inkwenkwe engumalusi iqhatha abantu belali ngokukhwaza ingcuka. Kodwa kuya kwenzeka ntoni xa ekugqibeleni kuvela ingcuka yokwenene?

Noxa intethe idanisa ehlotyeni, imbovane isebenza nzima, iqokelela ukutya. Sesiphi esiya kusinda xa kufika ubusika?
Kwakungorhatya, kuzolle. Ingcuka yayilambile ibhadula emaphandleni, ikhangela into etyiwayo. Wathi xa esondela kwilali ethile, wabona inja izithulele, iphumle phantsi komthi. Inja yayikhangeleka yomelele,yondlekile kwaye yonwabile kakhulu.
Isisu sengcuka sagquma embukele. "Ukhangeleka ngathi awufane ulambe," yatsho ingcuka, isondela. "Uphila njani kakuhle kangaka?"
Inja washukumisa umsila wayo. "Kulula!" yatsho. "Ndihlala nabantu abanobubele. Bandinika ukutya nendawo efudumeleyo yokulala. Into ekufuneka ndiyenze kukugada indlu yabo kwaye ndibagcine bekhuselekile."
Ingcuka yaphaphama yazisa iindlebe. "uvakala kumnandi oko! Ingaba ucinga ukuba ndingaphila ngolohlobo nam?"
"Ewe!" yatsho inja. "Yiza nam, ndizakusa kumnini wam. Bazokukunyamekela nawe."
Ingcuka yancuma yahamba ecaleni kwenja, iphupha ngokutya okufudumeleyo kunye nebhedi ethambileyo. Kodwa bathe basahamba, ingcuka yabona into engaqhelekanga entanyeni yenja. "Yintoni lento?" yabuza.
Inja yajonga phantsi. "hee, oku? Yenziwe yikhola yentambo yam. Umnini wam uyandibopha emini ukuze ndingabhaduli. Kodwa ebusuku, ndiyakwazi ukujikeleza ukuze ndigade indlu."
Ingcuka yema endleleni ngoko nangoko. "Yima, uthetha ukuba awukwazi ukuya naphi na apho ufuna khona?"
Inja yanqwala. "Kunjalo! , kodwa ndifumana ukutya okuninzi kunye nendawo epholileyo yokulala, ngoko andinangxaki."
Ingcuka yafinga iintshiyi yaza yacinga okomzuzwana. Emva koko yaphefumla kakhulu yaze yashukumisa intloko. "Enkosi ngesibonelelo, kodwa ndithanda ukukhululeka, nokuba oko kuthetha ukuzifumanela ukutya.”
Ngoko ke, ingcuka yajika yabuyela endle, ilambile kodwa ikhululekile.

Unomyayi nejokho
Unomyayi onxaniweyo ubhaqa ijokho enamanzi kodwa asezantsi kakhulu. Leliphi iqhinga anolisebenzisa ukuze asele amanzi?

Irhanisi elabeka amaqanda eGolide
Umfama nenkosikazi yakhe banambitha ubutyebi kumaqanda abo egolide erhanisi. Kwenzeka ntoni xa ukubawa kubenza bafune yonke igolide ngaxeshanye?

Ixhego nomzukulwana walo
Utatomkhulu uphathwa kakubi ngunyana nomolokazana wakhe. Yintoni eya kubanceda bayiqonde impazamo yabo baze batshintshe indlela abamphatha ngayo?

Umvundla kunye nencanda
Ugezelwa ngenxa yemilenze yakhe emifutshane, incanda elikhalipha icela umngeni kugqatso nomvundla. Ingaba uya kuphumelela kumvundla?

Intombazana eselula yobisi iphupha ngayo yonke into enokuthi iyenze ngemali yobisi lwayo. Yintoni enokuthi yenzeke xa lamaphupha wakhe enokususa amehlo akhe kwinto ekhoyo nanayo kungoku?

Ixhego lijongene neziganeko ezilungileyo nezimbi ngokuzolileyo. Ingaba into ekhangeleka ngathi lishwangusha inokuzisa into entle, okanye ngenye indlela?

Ngokuzinza nomonde, ufudo oluhamba kancinci lungena kukhuphiswano nomvundla ozithembileyo. Ngubani oya kuwela umgca wokugqiba kuqala?

Impungutye ekrelekrele idlala iqhinga kwingwamza kwisidlo sangokuhlwa. Kodwa xa ilithuba lengwamza ukulungiselela ukutya, ngubani ozakuhlakanipha kunomnye?

UAnansi, isigcawu esincinci, esikrelekrele, ucela umngeni kwindlovu kunye nemvubu ukuba ziqubisane kumdlalo wokutsalana. Ingaba ubukrelekrele baso bunokuphumelela ehlathini?

Umqingqi wamatye unqwenela ukuba ngumntu omkhulu ngalo lonke ixesha ebona amandla angakumbi. Kodwa ingaba ukufumana yonke into ayifunayo kuya kumenza onwabe ngokwenene?

Umgawuli (Umntu ocanda iinkuni) unceda impungutye ukuba izimele kodwa ngokufihlakeleyo abonise indawo yayo yokuzimela. Ucinga ukuba yaziva njani impungutye emva koko?

Isele elizonwabeleyo lazi ichibi lalo kuphela, lidibana nofudo lubalise ngebomi obubanzi bolwandle. Ingaba isele luyokuzuza ntoni ngaphaya kwekhaya lalo encinane?
