Umrhwebi kunye nedonki
Vishnu Sharma | E-Indiya
Emva kokutyibilika emlanjeni, idonki libona umthwalo wayo onzima usiba khaphukhaphu. Kodwa kwenzeka ntoni xa eqalisa ukwenza ngabom?

Ngexa elithile, idonki elikhutheleyo lanceda umrhwebi athwale iingxowa ezinzima zetyuwa esuka edolophini ezisa ekhayeni lakhe. Yonke imihla, babehamba ngendlela efanayo ende. Lo mthwalo wawunzima, kodwa idonki laliwuthwala ngaphandle kokuxhathisa.
Ngenye injikalanga, njengoko babewela umlambo ongekho nzulu xa begoduka, idonki latyibilika! Lawela emanzini, zaza iingxowa zetyuwa zamanzi. Ityuwa yanyibilika ngokukhawuleza, yaye xa idonki liphakama, umthwalo walo waba lula kakhulu.
"Owu! Oku kuvakala ngcono kakhulu!" idonki lacinga, Izivuthulula amanzi.
Ukufika kwabo ekhaya, umrhwebi wabona iingxowa ezimanzi, ezingenanto waza wambombozela, “Oh yiyo le into eyenzekileyo.” Nangona wayengonwabanga, akazange athethe nto.
Ngosuku olulandelayo, xa befika emlanjeni kwakhona, idonki lakhumbula indlela olwalulula ngayo uhambo kusuku oludlulileyo. “Ukuba ndithe ndawa kwakhona, umthwalo wam uya kuba khaphukhaphu!” wacinga. Encume kancinci, waziyeka wawela emanzini ngabom.
Kanye njengangaphambili, ityuwa yathi shwaka, waza umthwalo wakhe waba lula kwakhona.
"Oku kulula kakhulu!" idonki lacinga, linebhongo ngobukrelekrele balo.
Kodwa umrhwebi wayejongile. Uye wanikina intloko. “Ndiyayibona lento ophezukwayo,” wacinga. "Masibone ukuba uzokuzama kwakhona ngomso."
Ngentsasa elandelayo, ngaphambi kokuba emke edolophini, umrhwebi weza necebo. Endaweni yokuzalisa iingxowa ngetyuwa, wazipakisha ngomqhaphu othambileyo.
Bathi bakufika emlanjeni, idonki, laziva likrelekrele ngakumbi kunakuqala, lazivumela ukuba liwe kwakhona.
Kodwa ngesi sihlandlo, kwakukho into eyahlukileyo. Umqhaphu wabamanzi waza wabanzima kakhulu. Xa idonki liphakama, umthwalo walo ngoku wawuphindaphindeke kabini kunangaphambili!
"Hayibo! Kwenzeke ntoni?" lalila lizama ukuhamba. Imilenze yalo yayingcangcazela phantsi kobunzima.
Umrhwebi wambhambhatha umqolo wedonki waze wancuma. "Ngoku usifundile isifundo, mhlobo wam. Amaqhinga awasoloko esebenza ngendlela obulindele ngayo."
Idonki lalingenayo enye indlela ngaphandle kokuthwala umthwalo onzima ukugoduka. Inyathelo ngenyathelo, lazisola ngokuzama ukukhohlisa. Emva kwaloo mini, wayeka ukuwela emlanjeni ngabom waza wawuthwala ngokunyaniseka umthwalo wakhe.



















