Aesop | Greece
INgonyama neMpuku
Ingonyama ixolela impuku ethembisa ngokubuyekeza inceba nyenyi mini. Ingabe impukwana ingaze iyincede njani ingonyama?

Kwathi kwathi ngaminazana ithile, ingonyama yayisethe ngqwa ngaphantsi kwelanga elifudumeleyo. Yazolula ngaphantsi komthunzi womthi omde, isonwabele injikalanga.
Kufuphi kukho impukwana evunguza engceni, ikhangela ukutya ingajonganga nokuba iyaphi, yasuka yagilana nempumlo yengonyama ngempazamo. Ingonyama yothuka ebuthongweni bayo, yavuka ngodlwabevu lomrhono.
Idikiwe, yavela yaganga impukwana ngonyawo yayibamba nkqi ngonyawo, ye-nka umlomo.
Yangcangcazela impuku kukoyika yankwiniza isithi, "Ndicela ungandityi! ukuba undiyekile, ndiyathembisa ukuba ndiya kuze ndikuncede ngenye imini."
Ingonyama yayijonga impuku, yahleka. "Wena? Uncede mna? Into encinci nje ngawe ingaze iyincede ngantoni ingonyama enamandla nje ngam?" Kwathi kanti ingonyama isemdleni, yaphakamisa unyawo yayiyeka impuku yaphuncuka.
Yakhawuleza yatsibela emthini omde impuku seyibulela "Ndiyabulela ngonyama enamandla, asoze ndiyilibale into ondenzele yona."
Emveni kwentsuku ezimbalwa, yathI ingonyama isahamba ehlathini yexhakamfu kumgibe wabazingeli, kwawa umnatha osindayo wayigquma ingonyama, yabhijeleka imilenze nomzimba. Ya nga gragrama , ipitsholoza izama ukuphuma, kwabe kungenzeki.
Impukwana yathi isiva isikhalo somgragramo, yatsho yakhumbula isithembiso sayo yaleqa nganeno kwesikhalo. Ye-ntla ngengonyama ibhijeleke kwintambo ezomeleleyo yakhawuleza yanyuka kumnatha.
"Sukubana xhala ndizokunceda!" Yasebenzisa amazinyo wayo abukhali yanqunqa intambo, yathi iluma yabe intlantlatha msinyane. Yasebenza yasebenza yade yaqhawuka intambo.
Yazivuthulula ingonyama yaphuma emnatheni. Yajonga phantsi, ijonga impuku ngokungakholwayo nombulelo.
"Ndiyabulela,mhlobo omncinane,” yatsho ingonyama “Usindise ubomi bam".
Yancuma impuku. "Nempukwana encinci iyakwazi ukunceda ingonyama enamandla".
Ukusukela kuloo mini, ingonyama nempuku baba ngabahlobo abakhulu, baphila bonwabile ehlathini.



