INgonyama neMpuku
Aesop | eGrisi
Ingonyama ixolela impuku ethembisa ngokubuyekeza inceba ngeny'imini. Ingabe impukwana ingaze iyincede njani ingonyama?

Iikati ezimbini zifumana isonka kodwa ziyaphikisana ngokwabelana ngesonka ngokulinganayo. Inkawu enobuqhophololo inika uncedo, kodwa ingaba inkawu ifanelwe yintembeko yazo?

Inesithukuthezi nokugeza, inkwenkwe engumalusi iqhatha abantu belali ngokukhwaza ingcuka. Kodwa kuya kwenzeka ntoni xa ekugqibeleni kuvela ingcuka yokwenene?

Ingcuka elambileyo inomona ngobomi benja eyondliwe kakuhle ngabantu. Ingaba uya kuyincama inkululeko yakhe, eyincamela ukutya?

Noxa intethe idanisa ehlotyeni, imbovane isebenza nzima, iqokelela ukutya. Sesiphi esiya kusinda xa kufika ubusika?

Utatomkhulu uphathwa kakubi ngunyana nomolokazana wakhe. Yintoni eya kubanceda bayiqonde impazamo yabo baze batshintshe indlela abamphatha ngayo?

Ngokuzinza nomonde, ufudo oluhamba kancinci lungena kukhuphiswano nomvundla ozithembileyo. Ngubani oya kuwela umgca wokugqiba kuqala?

Emva kokutyibilika emlanjeni, idonki libona umthwalo wayo onzima usiba khaphukhaphu. Kodwa kwenzeka ntoni xa eqalisa ukwenza ngabom?

Umqingqi wamatye unqwenela ukuba ngumntu omkhulu ngalo lonke ixesha ebona amandla angakumbi. Kodwa ingaba ukufumana yonke into ayifunayo kuya kumenza onwabe ngokwenene?
Kwathi kwathi ngaminazana ithile, ingonyama yayisethe ngqwa ngaphantsi kwelanga elifudumeleyo. Yazolula ngaphantsi komthunzi womthi omde, isonwabele injikalanga.
Kufuphi kukho impukwana evunguza engceni, ikhangela ukutya ingajonganga nokuba iyaphi, yasuka yagilana nempumlo yengonyama ngempazamo. Ingonyama yothuka ebuthongweni bayo, yavuka ngodlwabevu lomrhono.
Idikiwe, yavela yaganga impukwana ngonyawo yayibamba nkqi ngonyawo, ye-nka umlomo.
Yangcangcazela impuku kukoyika yankwiniza isithi, "Ndicela ungandityi! ukuba undiyekile, ndiyathembisa ukuba ndiya kuze ndikuncede ngenye imini."
Ingonyama yayijonga impuku, yahleka. "Wena? Uncede mna? Into encinci nje ngawe ingaze iyincede ngantoni ingonyama enamandla nje ngam?" Kwathi kanti ingonyama isemdleni, yaphakamisa unyawo yayiyeka impuku yaphuncuka.
Yakhawuleza yatsibela emthini omde impuku seyibulela "Ndiyabulela ngonyama enamandla, asoze ndiyilibale into ondenzele yona."
Emveni kwentsuku ezimbalwa, yathI ingonyama isahamba ehlathini yexhakamfu kumgibe wabazingeli, kwawa umnatha osindayo wayigquma ingonyama, yabhijeleka imilenze nomzimba. Yanga gragrama, ipitsholoza izama ukuphuma, kwabe kungenzeki.
Impukwana yathi isiva isikhalo somgragramo, yatsho yakhumbula isithembiso sayo yaleqa nganeno kwesikhalo. Ye-ntla ngengonyama ibhijeleke kwintambo ezomeleleyo yakhawuleza yanyuka kumnatha.
"Sukubanaxhala ndizokunceda!" Yasebenzisa amazinyo wayo abukhali yanqunqa intambo, yathi iluma yabe intlantlatha msinyane. Yasebenza yasebenza yade yaqhawuka intambo.
Yazivuthulula ingonyama yaphuma emnatheni. Yajonga phantsi, ijonga impuku ngokungakholwayo nombulelo.
"Ndiyabulela,mhlobo omncinane,” yatsho ingonyama “Usindise ubomi bam".
Yancuma impuku. "Nempukwana encinci iyakwazi ukunceda ingonyama enamandla".
Ukusukela kuloo mini, ingonyama nempuku baba ngabahlobo abakhulu, baphila bonwabile ehlathini.

UAnansi nomdlalo wokutsalana
UAnansi, isigcawu esincinci, esikrelekrele, ucela umngeni kwindlovu kunye nemvubu ukuba ziqubisane kumdlalo wokutsalana. Ingaba ubukrelekrele baso bunokuphumelela ehlathini?

Umvundla kunye nencanda
Ugezelwa ngenxa yemilenze yakhe emifutshane, incanda elikhalipha icela umngeni kugqatso nomvundla. Ingaba uya kuphumelela kumvundla?

Ukufaka ikati intsimbi
Iimpuku zicinga ngecebo elikrelekrele lokuzigcina zikhuselekile kwikati. Kodwa kwenzeka ntoni xa ilixesha lokuba basenze isigcwangciso sabo?

Inyanda yeenkuni
Xa umfama ezisa inyanda yeenkuni koonyana bakhe, bayayeka ukuxambulisana. Bafundiswe njani yinyanda nje yeenkuni?

Unomyayi onxaniweyo ubhaqa ijokho enamanzi kodwa asezantsi kakhulu. Leliphi iqhinga anolisebenzisa ukuze asele amanzi?

Utyelela umhlobo wakhe wasesixekweni, impuku yasemaphandleni imangaliswa bubomi obuzaliswe zizinto ezimnandi. Kodwa, ingaba iyamangalisa njengoko ibonakala?

Utata nonyana bahamba nedonki. Wonke umntu unento yokuthetha. Kwenzeka ntoni xa bezama ukubakholisa bonke?

Umfama nenkosikazi yakhe banambitha ubutyebi kumaqanda abo egolide erhanisi. Kwenzeka ntoni xa ukubawa kubenza bafune yonke igolide ngaxeshanye?

Impungutye ekrelekrele idlala iqhinga kwingwamza kwisidlo sangokuhlwa. Kodwa xa ilithuba lengwamza ukulungiselela ukutya, ngubani ozakuhlakanipha kunomnye?

Ixhego lijongene neziganeko ezilungileyo nezimbi ngokuzolileyo. Ingaba into ekhangeleka ngathi lishwangusha inokuzisa into entle, okanye ngenye indlela?

Isele elizonwabeleyo lazi ichibi lalo kuphela, lidibana nofudo lubalise ngebomi obubanzi bolwandle. Ingaba isele luyokuzuza ntoni ngaphaya kwekhaya lalo encinane?

Umgawuli (Umntu ocanda iinkuni) unceda impungutye ukuba izimele kodwa ngokufihlakeleyo abonise indawo yayo yokuzimela. Ucinga ukuba yaziva njani impungutye emva koko?
