Indoda, inkwenkwana, kunye nedonki
Aesop | eGrisi
Utata nonyana bahamba nedonki. Wonke umntu unento yokuthetha. Kwenzeka ntoni xa bezama ukubakholisa bonke?

Ixhego lijongene neziganeko ezilungileyo nezimbi ngokuzolileyo. Ingaba into ekhangeleka ngathi lishwangusha inokuzisa into entle, okanye ngenye indlela?

Isele elizonwabeleyo lazi ichibi lalo kuphela, lidibana nofudo lubalise ngebomi obubanzi bolwandle. Ingaba isele luyokuzuza ntoni ngaphaya kwekhaya lalo encinane?

Utatomkhulu uphathwa kakubi ngunyana nomolokazana wakhe. Yintoni eya kubanceda bayiqonde impazamo yabo baze batshintshe indlela abamphatha ngayo?

Umoya onamandla waseMantla neLanga elizolileyo zizama ukwenza umkhenkethi akhulule ibhatyi yakhe ukubonakalisa ukuba ngubani onamandla. Ngomphi ozophumelela?

Umqingqi wamatye unqwenela ukuba ngumntu omkhulu ngalo lonke ixesha ebona amandla angakumbi. Kodwa ingaba ukufumana yonke into ayifunayo kuya kumenza onwabe ngokwenene?

Xa umfama ezisa inyanda yeenkuni koonyana bakhe, bayayeka ukuxambulisana. Bafundiswe njani yinyanda nje yeenkuni?

Intombazana eselula yobisi iphupha ngayo yonke into enokuthi iyenze ngemali yobisi lwayo. Yintoni enokuthi yenzeke xa lamaphupha wakhe enokususa amehlo akhe kwinto ekhoyo nanayo kungoku?

Ngokuzinza nomonde, ufudo oluhamba kancinci lungena kukhuphiswano nomvundla ozithembileyo. Ngubani oya kuwela umgca wokugqiba kuqala?
Kwathi ke kaloku, indoda nonyana wayo babesa idonki labo emarikeni. ILanga lalishushu, nendlela yayinothuli.
Umhambi owayezihambela wababona waze wahleka. "Kutheni uhamba ngenyawo kodwa unedonki?" wabuza. "Omnye wenu kufuneka alikhwele!"
Ekuvile oku, indoda yakhwelisa unyana wayo edonkini.
Besahamba njalo, badlula kwamanye amadoda. Omnye wabo wafinga iintshiyi. "Jonga laa nkwenkwe ikhwele, kodwa uyise uhamba ngenyawo!”
Le ndoda yaziva ineentloni, yanceda unyana wayo ukuba ehle kwidonki, kwakhwela yena.”
Kungekudala, badibana nabafazi ababini. Omnye washukumisa intloko. "Lihlazo ke eli! Indoda ikhwele idonki kodwa inkwenkwana yayo kufuneka ihambe ngeenyawo."
Indoda yabonakalisa ukutyhafa. Yaphakamisa unyana wayo yamnyusa edonkini ukuze bakhwele bobabini.
Ukufika kwabo edolophini, abantu babekhomba kwaye basebeza, “Bakhohlakele! Balithwalisa ubunzima kakhulu noko idonki, nalo liyadinga ukuphumla!”
Utata nonyana wakhe baziva becaphukile, bobabini behla edonkini. Bengazi ukuba mabenze ntoni na.babophelela amanqina edonki baza bayithwala.
Bathe besawela ibholorho, isihlwele sahlanganisana, sihleka yaye sibakhomba. Idonki, isoyika ingxolo, yashukuma yaze yakhaba-khaba. Le nkwenkwana ayizange ibambisise, idonki yawela emlanjeni. Kuba iinyawo zalo zazibotshelelwe, zange likwazi ukuqubha.
Utata nonyana bothuka, balibukela idonki labo liinyamalala litshona emanzini.
Ixhego elalikufuphi nabo labona okwenzekileyo. Lashukumisa intloko lathi, "Ukuba uzama ukukholisa wonke umntu, uzophela ungakholisi namnye umntu.”

Umrhwebi kunye nedonki
Emva kokutyibilika emlanjeni, idonki libona umthwalo wayo onzima usiba khaphukhaphu. Kodwa kwenzeka ntoni xa eqalisa ukwenza ngabom?

Iikati ezimbini kunye nenkawu
Iikati ezimbini zifumana isonka kodwa ziyaphikisana ngokwabelana ngesonka ngokulinganayo. Inkawu enobuqhophololo inika uncedo, kodwa ingaba inkawu ifanelwe yintembeko yazo?

Irhanisi elabeka amaqanda eGolide
Umfama nenkosikazi yakhe banambitha ubutyebi kumaqanda abo egolide erhanisi. Kwenzeka ntoni xa ukubawa kubenza bafune yonke igolide ngaxeshanye?

Inkwenkwe ekhaliswa yingcuka
Inesithukuthezi nokugeza, inkwenkwe engumalusi iqhatha abantu belali ngokukhwaza ingcuka. Kodwa kuya kwenzeka ntoni xa ekugqibeleni kuvela ingcuka yokwenene?

Unomyayi onxaniweyo ubhaqa ijokho enamanzi kodwa asezantsi kakhulu. Leliphi iqhinga anolisebenzisa ukuze asele amanzi?

Ingonyama ixolela impuku ethembisa ngokubuyekeza inceba ngeny'imini. Ingabe impukwana ingaze iyincede njani ingonyama?

Ugezelwa ngenxa yemilenze yakhe emifutshane, incanda elikhalipha icela umngeni kugqatso nomvundla. Ingaba uya kuphumelela kumvundla?

Iimpuku zicinga ngecebo elikrelekrele lokuzigcina zikhuselekile kwikati. Kodwa kwenzeka ntoni xa ilixesha lokuba basenze isigcwangciso sabo?

Umgawuli (Umntu ocanda iinkuni) unceda impungutye ukuba izimele kodwa ngokufihlakeleyo abonise indawo yayo yokuzimela. Ucinga ukuba yaziva njani impungutye emva koko?

Impungutye ekrelekrele idlala iqhinga kwingwamza kwisidlo sangokuhlwa. Kodwa xa ilithuba lengwamza ukulungiselela ukutya, ngubani ozakuhlakanipha kunomnye?

Utyelela umhlobo wakhe wasesixekweni, impuku yasemaphandleni imangaliswa bubomi obuzaliswe zizinto ezimnandi. Kodwa, ingaba iyamangalisa njengoko ibonakala?

Noxa intethe idanisa ehlotyeni, imbovane isebenza nzima, iqokelela ukutya. Sesiphi esiya kusinda xa kufika ubusika?
