Inkwenkwe Ekhaliswa yingcuka

| eGrisi

inesithukuthezi nokugeza, i inkwenkwe engumalusi iqhatha abantu belali ngokukhwaza ingcuka. Kodwa kuya kwenzeka ntoni xa ekugqibeleni kuvela ingcuka yokwenene?

Colorful illustration of Inkwenkwe Ekhaliswa yingcuka - a fable
kwiNcwadi yeeNgxelo
Uhlobo Olubhaliweyo

Kwathi ke kaloku, inkwenkwana engumalus yayikhathalela iigusha zaloo lali. Suku ngalunye, wayezikhokelela kwintsimi enengca ekufuphi nehlathi aze azijonge endulini.

Le nkwenkwana yayidla ngokuziva ikruqukile yaye inesithukuthezi kuba kwakungekho bantwana bambi bokudlala nabo. Ngenye imini, wayenombono wokuzonwabisa. Wabalekela elalini, ekhwaza esithi, "Ingcuka! Ingcuka! Ingcuka ihlasela igusha!"

Besiva isikhalo sakhe, abahlali baloo lali balahla yonke into baza bagxalathelana ukuya kunceda. Kodwa bakufika, kwakungekho ngcuka, yaye izimvu zaziphilile. Inkwenkwe yagqabhuka yintsini.

“Ndiniqhathile!” wagigitheka.

Abahlali baloo lali bafinga iintshiya. “Ayihlekisi lonto Ungaze uxoke ngengozi!” bamthethisa ngaphambi kokuba babuye umva.

Emva Kweentsuku ezimbalwa, le nkwenkwana yaphinda yabanesithukuthezi. Wagqiba ekubeni adlale iqhinga elifanayo. Ngoko wabalekela elalini waza wakhwaza esithi, "Ingcuka! Ingcuka! Ingcuka ihlasela igusha!"

Kwakhona, babaleka abahlali belali bayonceda, kodwa kwakhona, kwakungekho ngcuka. Yaqengqeleka inkwenkwe emhlabeni, ihleka.

Kwelixa, abahlali belali babenomsindo “Musa uthi ingcuka! ,ingcuka! xa kungekho ngcuka.” batsho bemlumkisa. “Ngenye imini, akuyi kubakho mntu oza kukukholwa.

Yanyusa amagxa inkwenkwe yathi “abayazi indlela yokonwaba.”

Zange kube kudala, isibhakabhaka saguquka, amahlahla arhashaza. Ingcuka yokwenene ye gqi. Amazinyo ayo abukhali ekhazimla njengoko yayisondela kwiigusha.

Yabetha kakhulu intliziyo yekwekwe. “Hayi, yenzeka nyani ngoku! “

Wabalekela elalini ngokukhawuleza kangangoko wayenako, ekhala, “Ingcuka!” “Ingcuka! Ingcuka yokwenene ihlasela iigusha! Ndicela uncedo! !”

Kodwa abantu belali abazange bamkholelwe. “Udlala nje elinye iqhinga,” batsho , beshukumisa intloko zabo. Akukho mntu weza kumnceda.

Kwathi xa inkwenkwe ibuyela entsimini, iigusha zazingasekho. ezinye zabalekela ehlathini, noxa enzinye zonzakaliswe yingcuka.

Inkwenkwe yahlala phezu kwenduli, ilila. Wayexoke izihlandlo ezininzi. Ngoku, xa wayefuna uncedo ngokwenene, akukho mntu wamkholelwayo.

I-Copyright© 2025 FableReads, Onke Amalungelo Agciniwe
Inkwenkwe Ekhaliswa yingcuka