Ufudo nomvundla
Aesop | eGrisi
Ngokuzinza nomonde, ufudo oluhamba kancinci lungena kukhuphiswano nomvundla ozithembileyo. Ngubani oya kuwela umgca wokugqiba kuqala?

Ugezelwa ngenxa yemilenze yakhe emifutshane, incanda elikhalipha icela umngeni kugqatso nomvundla. Ingaba uya kuphumelela kumvundla?

Ixhego lijongene neziganeko ezilungileyo nezimbi ngokuzolileyo. Ingaba into ekhangeleka ngathi lishwangusha inokuzisa into entle, okanye ngenye indlela?

UAnansi, isigcawu esincinci, esikrelekrele, ucela umngeni kwindlovu kunye nemvubu ukuba ziqubisane kumdlalo wokutsalana. Ingaba ubukrelekrele baso bunokuphumelela ehlathini?

Utata nonyana bahamba nedonki. Wonke umntu unento yokuthetha. Kwenzeka ntoni xa bezama ukubakholisa bonke?

Emva kokutyibilika emlanjeni, idonki libona umthwalo wayo onzima usiba khaphukhaphu. Kodwa kwenzeka ntoni xa eqalisa ukwenza ngabom?

Noxa intethe idanisa ehlotyeni, imbovane isebenza nzima, iqokelela ukutya. Sesiphi esiya kusinda xa kufika ubusika?

Ingcuka elambileyo inomona ngobomi benja eyondliwe kakuhle ngabantu. Ingaba uya kuyincama inkululeko yakhe, eyincamela ukutya?

Utatomkhulu uphathwa kakubi ngunyana nomolokazana wakhe. Yintoni eya kubanceda bayiqonde impazamo yabo baze batshintshe indlela abamphatha ngayo?
Kwathi kwathi ngaminazana ithile, kwakukho umvundla owayethanda ukuqhayisa. "Ndisesona silwanyane sibalekayo kunazo zonke ehlathini!" nto leyo, wayeyithetha kumntu wonke. "Akukho namnye unondodlula ekubalekeni!" wayesithi letshe emithini, athi tshe ematyholweni, ezishiya zibethwe ngumoya ezinye izilwanyana efuna nje ukutshambaza.
Kodwa oyena wayemenza intlekisa lufundo."Zijonge ube ucotha ukhasa!" ehleka isiqhazolo. "Ubunganoze uphumelele nokuba ubunoqala izolo!"
Ufudo,lwaluzolile lunomonde, ekugqibeleleni lwathetha lwathi "Masikhuphisane, mvundla masibone ukuba kukubaleka kodwa okukwenza uphumelele."
Zothuka ezinye izilwanyane, ukhuphiswano phakathi koyena ubalekayo noyena ucothayo? Yayingakholeleki! Waphela yintsini umvundla "Wena? Ukhuphisane nam? Le izophela ungeka beki nelokuqala unyawo!"
Wavuma, ehleka enjalo. Impungutye yalulungisela olukhuphiswano sevula nendlela kumthi omkhulu. Zaqokelelana zonke izilwanyane, sezingxamele ukubukela ukhuphiswano.
“Nikulungele ukuqala? Maziye!” ikhwaza impungutye. Wadubuleka phambili umvundla, wavumbulula uthuli,ngophanyazo wankenqeza ngaphambili. Njengesiqhelo,ufudo lancangathisa,chu unyawo phambi kwelinye.
Emva kwexesha umvundla wajonga emva, lwabe ufudo lusemva kakhulu. “Ilula lento,” watsho encumile umvundla. “Ndingaphumelela noba ndinothi nqwa!”
Wabona umthi onomthunzi, wazolula,wavala amehlo.
Lwabe ufudo lusaqhuba, lungemanga, lungangxamanga, chu-ngcembe, ukubheka phambili. Kungekudala ufudo lwabe selufika emthini, umvundla usarhona. Ufudo lwathi krwaqu, lwaqhubekeka nendlela. Ezinye izilwanyane zabe zibukele zimangalisiwe, lwabe ufudo lugqitha.
Ethubeni, umvundla wavuka, wazamla, wazolula wajonga phambili. Wothuka!
Ufudo lwabe seluzofika ukugqibeleni!
Umangalisiwe umvundla wothuka wakwaza, “Kwenzeka ntoni?” Vandla ukuphakama, waleqisa kanga ngoko, iinyawo nkqi emhlabeni, kodwa kwabe sekonakele.
Ufudo lwanyathela okokugqibela laqabela emgceni.
Kwazala uvuyo ehlathini. Intaka zintyiloza, onomatse baqhwaba izandla, impungutye yakhwaza “Lwaphuma phambili ufudo!”
Wajingisa intloko umvundla, ungakholelwa! Wawusowuzixelele ngempumelelo, kodwa inyani yavela. Edaniswa kukogqithwa, wayeka ukuqhayisa umvundla kwaye zange aphinde agezele ufudo kwakhona.

INgonyama neMpuku
Ingonyama ixolela impuku ethembisa ngokubuyekeza inceba ngeny'imini. Ingabe impukwana ingaze iyincede njani ingonyama?

Inyanda yeenkuni
Xa umfama ezisa inyanda yeenkuni koonyana bakhe, bayayeka ukuxambulisana. Bafundiswe njani yinyanda nje yeenkuni?

Impungutye kunye nengwamza
Impungutye ekrelekrele idlala iqhinga kwingwamza kwisidlo sangokuhlwa. Kodwa xa ilithuba lengwamza ukulungiselela ukutya, ngubani ozakuhlakanipha kunomnye?

Isele echibini
Isele elizonwabeleyo lazi ichibi lalo kuphela, lidibana nofudo lubalise ngebomi obubanzi bolwandle. Ingaba isele luyokuzuza ntoni ngaphaya kwekhaya lalo encinane?

Inesithukuthezi nokugeza, inkwenkwe engumalusi iqhatha abantu belali ngokukhwaza ingcuka. Kodwa kuya kwenzeka ntoni xa ekugqibeleni kuvela ingcuka yokwenene?

Umqingqi wamatye unqwenela ukuba ngumntu omkhulu ngalo lonke ixesha ebona amandla angakumbi. Kodwa ingaba ukufumana yonke into ayifunayo kuya kumenza onwabe ngokwenene?

Iikati ezimbini zifumana isonka kodwa ziyaphikisana ngokwabelana ngesonka ngokulinganayo. Inkawu enobuqhophololo inika uncedo, kodwa ingaba inkawu ifanelwe yintembeko yazo?

Intombazana eselula yobisi iphupha ngayo yonke into enokuthi iyenze ngemali yobisi lwayo. Yintoni enokuthi yenzeke xa lamaphupha wakhe enokususa amehlo akhe kwinto ekhoyo nanayo kungoku?

Unomyayi onxaniweyo ubhaqa ijokho enamanzi kodwa asezantsi kakhulu. Leliphi iqhinga anolisebenzisa ukuze asele amanzi?

Iimpuku zicinga ngecebo elikrelekrele lokuzigcina zikhuselekile kwikati. Kodwa kwenzeka ntoni xa ilixesha lokuba basenze isigcwangciso sabo?

Umfama nenkosikazi yakhe banambitha ubutyebi kumaqanda abo egolide erhanisi. Kwenzeka ntoni xa ukubawa kubenza bafune yonke igolide ngaxeshanye?

Utyelela umhlobo wakhe wasesixekweni, impuku yasemaphandleni imangaliswa bubomi obuzaliswe zizinto ezimnandi. Kodwa, ingaba iyamangalisa njengoko ibonakala?
