Aesop | Greece
UFudo nomvundla
Ngokuzinza nomonde, ufudo oluhamba kancinci lungena kukhuphiswano nomvundla ozithembileyo. Ngubani oya kuwela umgca wokugqiba kuqala?

Kwathi kwathi ngaminazana ithile, kwakukho umvundla owayethanda ukuqhayisa. "Ndisesona silwanyane sibalekayo kunazo zonke ehlathini!" nto leyo, wayeyithetha kumntu wonke. "Akukho namnye unondodlula ekubalekeni!" wayesithi letshe emithini, athi tshe ematyholweni, ezishiya zibethwe ngumoya ezinye izilwanyana efuna nje ukutshambaza.
Kodwa oyena wayemenza intlekisa lufundo."Zijonge ube ucotha ukhasa!" ehleka isiqhazolo. "Ubunganoze uphumelele nokuba ubunoqala izolo!"
Ufudo,lwaluzolile lunomonde, ekugqibeleleni lwathetha lwathi "Masikhuphisane, mvundla masibone ukuba kukubaleka kodwa okukwenza uphumelele. i"
Zothuka ezinye izilwanyane, ukhupisano phakathi koyena ubalekayo noyena ucothayo? Yayingakholeleki! Waphela yintsini umvundla "Wena? Ukhuphisane nam? Le izophela ungeka beki nelokuqala unyawo!"
Wavuma, ehleka enjalo. Impungutye yalulungisela olukhuphiswano sevula nendlela kumthi omkhulu. Zaqokelelana zonke izilwanyane, sezingxamele ukubukela ukhuphiswano.
“Nikulungele ukuqala? Maziye!” ikhwaza impungutye. Wadubuleka phambili umvundla,wavumbulula uthuli,ngophanyazo wankenqeza ngaphambili.Njengesiqhelo,ufudo lancangathisa,chu unyawo phambi kwelinye.
Emva kwexesha umvundla wajonga emva, lwabe ufudo lusemva kakhulu. “Ilula lento,” washo encumile umvundla. “Ndingaphumelela noba ndinothi nqwa!”
Wabona umthi onomthunzi, wazolula,wavala amehlo.
Lwabe ufudo lusaqhuba, lungemanga, lungangxamanga,chu-ngcembe, ukubheka phambili. Kungekudala ufudo lwabe solufika emthini, umvundla usarhona. Ufudo lwathi krwaqu, lwaqhubekeka nendlela. Ezinye izilwanyane zabe zibukele zimangalisiwe, lwabe ufudo lugqitha.
Ethubeni,umvundla wavuka,wazamla,wazolula wajonga phambili.Wothuka!
Ufudo lwabe seluzofika ukugqibeleni!
Umangalisiwe umvundla wothuka wakwaza, “Kwenzeka ntoni?” Vandla ukuphakama, waleqisa kanga ngoko, iinyawo nkqi emhlabeni, kodwa kwabe sekonakele.
Ufudo lwanyathela okokugqibela laqabela emgceni.
Kwazala uvuyo ehlathini. Intaka zintyiloza, onomatse baqhwaba izandla, impungutye yakhwaza “Lwaphuma phambili uFudo!”
Wajingisa intloko umvundla, ungakholelwa! Wawusowuzixelele ngempumelelo, kodwa inyani yavela. Edaniswa kukogqithwa, wayeka ukuqhayisa umvundla kwaye zange aphinde agezele ufudo kwakhona.



