Impungutye kunye nomgawuli
Aesop | eGrisi
Umgawuli (Umntu ocanda iinkuni) unceda impungutye ukuba izimele kodwa ngokufihlakeleyo abonise indawo yayo yokuzimela. Ucinga ukuba yaziva njani impungutye emva koko?

Utatomkhulu uphathwa kakubi ngunyana nomolokazana wakhe. Yintoni eya kubanceda bayiqonde impazamo yabo baze batshintshe indlela abamphatha ngayo?

Iikati ezimbini zifumana isonka kodwa ziyaphikisana ngokwabelana ngesonka ngokulinganayo. Inkawu enobuqhophololo inika uncedo, kodwa ingaba inkawu ifanelwe yintembeko yazo?

Unomyayi onxaniweyo ubhaqa ijokho enamanzi kodwa asezantsi kakhulu. Leliphi iqhinga anolisebenzisa ukuze asele amanzi?

Utyelela umhlobo wakhe wasesixekweni, impuku yasemaphandleni imangaliswa bubomi obuzaliswe zizinto ezimnandi. Kodwa, ingaba iyamangalisa njengoko ibonakala?

Ngokuzinza nomonde, ufudo oluhamba kancinci lungena kukhuphiswano nomvundla ozithembileyo. Ngubani oya kuwela umgca wokugqiba kuqala?

Intombazana eselula yobisi iphupha ngayo yonke into enokuthi iyenze ngemali yobisi lwayo. Yintoni enokuthi yenzeke xa lamaphupha wakhe enokususa amehlo akhe kwinto ekhoyo nanayo kungoku?

Noxa intethe idanisa ehlotyeni, imbovane isebenza nzima, iqokelela ukutya. Sesiphi esiya kusinda xa kufika ubusika?

Umqingqi wamatye unqwenela ukuba ngumntu omkhulu ngalo lonke ixesha ebona amandla angakumbi. Kodwa ingaba ukufumana yonke into ayifunayo kuya kumenza onwabe ngokwenene?
Kwathi ke kaloku, impungutye yayibaleka ehlathini, izama uqhweshwa kubazingeli nezinja zabo ezazikhonkotha. Intliziyo yayo yabetha ngamandla njengoko yayikhangela indawo yokuzimela. Ke wabona indlu encinci.
Umgawuli onobubele wema ngasemnyango, ebonakala emangalisiwe njengoko impungutye eyayisoyika ibaleka isiza ngakuye.
"Ndicela undincede!" yacenga impungutye.
Umgawuli waba nosizi ngempungutye. Wanqwala, wakhomba ngaphakathi kwikona emnyama. “Zimela apha,” wasebeza.
Emva komzuzwana, bafika abazingeli. Bankqonkqoza emnyango babuza, “Khange ubone impungutye isiza ngapha?”
Umgawuli akazange afune ukungcatsha impungutye, kodwa wayesoyika nokuxoka. Ngoko wathi, “Hayi, andikhange ndibone mpungutye,” kodwa kwangaxeshanye, wenza intshukumo encinane yesandla, ekhomba kwindawo eyayizimele kuyo impungutye.
Ngethamsanqa, abazingeli abazange baqaphele. "Enkosi!" batsho bengxamile babuyela ehlathini ukuze baqhubeke nokukhangela.
Bakuba bemkile abazingeli, impungutye yaphuma apho yayizimele khona. Yavela yahamba ingathethanga nto. Emangalisiwe umgawuli wabuza, “ Awuzondibulela ngokukunceda?”
Impungutye yajika yathi, “Ukuba ngenene ubufuna ukundinceda, ngewungazange ukhombe apho bendizimele khona.” Akhange iphinde ithethe nto impungutye, yasuka yabaleka yabuyela ehlathini. Washiyeka umgawuli ecinga nzulu.

Umvundla kunye nencanda
Ugezelwa ngenxa yemilenze yakhe emifutshane, incanda elikhalipha icela umngeni kugqatso nomvundla. Ingaba uya kuphumelela kumvundla?

Impungutye kunye nengwamza
Impungutye ekrelekrele idlala iqhinga kwingwamza kwisidlo sangokuhlwa. Kodwa xa ilithuba lengwamza ukulungiselela ukutya, ngubani ozakuhlakanipha kunomnye?

Irhanisi elabeka amaqanda eGolide
Umfama nenkosikazi yakhe banambitha ubutyebi kumaqanda abo egolide erhanisi. Kwenzeka ntoni xa ukubawa kubenza bafune yonke igolide ngaxeshanye?

Ukufaka ikati intsimbi
Iimpuku zicinga ngecebo elikrelekrele lokuzigcina zikhuselekile kwikati. Kodwa kwenzeka ntoni xa ilixesha lokuba basenze isigcwangciso sabo?

Utata nonyana bahamba nedonki. Wonke umntu unento yokuthetha. Kwenzeka ntoni xa bezama ukubakholisa bonke?

UAnansi, isigcawu esincinci, esikrelekrele, ucela umngeni kwindlovu kunye nemvubu ukuba ziqubisane kumdlalo wokutsalana. Ingaba ubukrelekrele baso bunokuphumelela ehlathini?

Emva kokutyibilika emlanjeni, idonki libona umthwalo wayo onzima usiba khaphukhaphu. Kodwa kwenzeka ntoni xa eqalisa ukwenza ngabom?

Xa umfama ezisa inyanda yeenkuni koonyana bakhe, bayayeka ukuxambulisana. Bafundiswe njani yinyanda nje yeenkuni?

Ingcuka elambileyo inomona ngobomi benja eyondliwe kakuhle ngabantu. Ingaba uya kuyincama inkululeko yakhe, eyincamela ukutya?

Isele elizonwabeleyo lazi ichibi lalo kuphela, lidibana nofudo lubalise ngebomi obubanzi bolwandle. Ingaba isele luyokuzuza ntoni ngaphaya kwekhaya lalo encinane?

Umoya onamandla waseMantla neLanga elizolileyo zizama ukwenza umkhenkethi akhulule ibhatyi yakhe ukubonakalisa ukuba ngubani onamandla. Ngomphi ozophumelela?

Ingonyama ixolela impuku ethembisa ngokubuyekeza inceba ngeny'imini. Ingabe impukwana ingaze iyincede njani ingonyama?
