Nethisa iMvula
Walmer Township, eGqeberha · eMpuma Koloni, eMzantsi Afrika
Ukusuka ekufikeleleni simahla ukuya ekufikeleleni eluntwini
Izikolo nemibutho zifuna izixhobo ezisemgangathweni nezifikeleleka lula ezinokuzisebenzisa kwiindawo ezizazi kakuhle, ngokweemfuno neenjongo esele zinazo.
Amanani ewebhusayithi yethu abonisa ukuba iFableReads isetyenziswa kumazwe asasazeke kwisiqingatha sehlabathi, kwaye iingqokelela zethu ngeelwimi ezili-13 ziyenza ifikeleleke kubantu abangaphezu kwesiqingatha sabemi behlabathi.
Siyazi nokuba sele ifikelele kwiindawo zokufunda eSweden, eBrazil, kwiiPhilippines, eMzantsi Afrika naseUganda.
Sele sishicilele amakhulu eencwadi ezifikelela ezikolweni nasekuhlaleni ngentsebenziswano yethu namaqabane. Ezi ncwadi ziza kwabelwana ngazo, ziphinde zisetyenziswe kwiiklasi nakwiinkqubo ezahlukeneyo, zize ziqhubeke zisetyenziswa kangangeminyaka.
Sinokulandelela ezinye zezi ndlela zokusetyenziswa ngamaphulo akhokelwa ngamaqabane ethu. Ngezinye siva kamva, kanti ngezinye asize sive nto.
Amanani asibonisa inxalenye kuphela yoko kwenzekayo. Ukutyelelwa kwewebhusayithi kungasibonisa ukuba umntu uvule ibali. Akusoloko kusibonisa oko kwenzeke emva koko. Nanku umzekelo omnye esithe seva ngawo ngebhaqo.
Ukusetyenziswa okuziqalelayo
IKaross Foundation yaseLimpopo ixhasa izikolo zasemaphandleni, amaziko ophuhliso lwabantwana abancinane noluntu ngeenkqubo zokufunda nokubhala, amathala eencwadi, uphuhliso lobunkokeli nokufikelela kwizixhobo zokufunda.
Ibali elinye lasetyenziswa iveki yonke ukusuka kwiBanga R ukuya kwiBanga lesi-7. Bakhuphela umfanekiso namanqanaba okufunda ahlukeneyo (A1, B1, C1) ukuze alungele amabanga nobuchule obahlukeneyo. Inguqulelo enemvano-siphelo yabanceda baphonononga baza babhiyozela iVeki yoMbongo.
IKaross yasebenzisa ezi zixhobo ngokweenjongo zayo, ixhasa iiklasi ezisebenzayo, abafundi abanomdla nokuthatha inxaxheba okunentsingiselo.
“Singumbutho okhokelwa ziinqobo ezisesikweni, yaye amabali eFableReads ayahambelana neenqobo zethu.”
Amaphulo akhokelwa ngamaqabane
Ngo-2026, iFableReads yaqalisa ukusebenza nemibutho kwiinkqubo zethu zokuqala zovavanyo zehlabathi eMzantsi Afrika, ilizwe elibonisa ukwahluka kwehlabathi. Lineelwimi ezisemthethweni ezili-12, iinkcubeko ezahlukeneyo nomsantsa omkhulu kwiziseko zophuhliso, kwizixhobo nasekufikeleleni kuzo. Uninzi lwezi meko lufunyanwa nakubantwana, ezikolweni nasekuhlaleni kwihlabathi lonke.
Iphulo ngalinye lenziwa ngokweenjongo zeqabane, abafundi balo neemeko zabo. Siceba kunye. IFableReads ibonelela ngezixhobo nesikhokelo, ngoxa amaqabane egqiba ngendlela efanelekileyo yokuzisebenzisa aze akhokele umsebenzi kwiindawo azaziyo.
Ezi ntsebenziswano zenza ukuba kubekho utshintshiselwano olusebenzayo noluqhubekayo lwezimvo. Sinokulandelela abafundi abafikelelweyo, iincwadi ezisetyenziswayo neeyure zokuthatha inxaxheba, siqonde impembelelo kumaqabane, size sive ngeenguqu azibonayo.
Sibhala phantsi ezi zifundo njengoko siqhubeka, ukuze zomeleze oko kunikezelwa yiFableReads zize kwabelwane ngazo namaqabane kwihlabathi lonke.
Amaqabane ethu anikela ngedatha, ngezimvo, ngolwazi lwabaququzeleli, ngeempendulo zabafundi nangamava okusebenza.
Sebenzisana nathi
Kudalwe kunye
Iqela leThe Wireless linike iFableReads ubomi ngesiXhosa ngamazwi amaninzi, libalisa lize livelise iaudio simahla. Ixesha labo lobuchule netalente yabo exabisekileyo bezixabisa malunga ne-R100 000.
Emva koko, uAndisiwe Mbelekane wanikela ngexesha lakhe ngokuzithandela ukuguqulela nokuhlela incwadi yesiXhosa namaphepha abalulekileyo ewebhusayithi, efaka inkathalo nokuqonda inkcubeko kumgca ngamnye.
Umsebenzi wabo uqhubeka uphila kwibali ngalinye elifundwayo, elimanyelwayo nelabelwana ngalo. Ngenxa yabo, ezi zixhobo zingaqhubeka zifikelela emakhayeni, kwiiklasi nasekuhlaleni, zifumaneka simahla ehlabathini lonke.
Khawucinge ngezinto ezinokwenzeka xa iincwadi ezininzi zifikelela ebantwaneni, kusongezwa iilwimi ezingakumbi namaqabane amaninzi ehlabathini engenela.
Kuza iiprojekthi kwamanye amazwe. Yiba yinxalenye yenyathelo elilandelayo.
Bona oko sinokukuphumeza kunye
Qhagamshelana nathi
Your free FableReads account
Log in or sign up to save fables or add them to playlists.
Loading...