Intwazana yobisi ne-emele yayo
Aesop | eGrisi
Intombazana eselula yobisi iphupha ngayo yonke into enokuthi iyenze ngemali yobisi lwayo. Yintoni enokuthi yenzeke xa lamaphupha wakhe enokususa amehlo akhe kwinto ekhoyo nanayo kungoku?

Ngaminazana ithile,kwakukho intwazana eselula ehambisa ubisi yayihamba isiya emarikeni. Kwaye yayithwele i-emele yobisi ngononophelo olukhulu. Ilanga lalishushu, yaye wancuma njengoko wayecinga ngazo zonke izinto awayenokuzithenga xa ethe wathengisa ubisi.
“Ngemali yolu bisi, ndiza kuthenga amaqanda alishumi elinesibini,” wacinga wenjenje. "Kungekudala, amaqanda aya kuqandusela amantshontsho. Kungekudala, ndiyakuba nomhlambi weenkukhu! Ziyakubeka amaqanda yonke imihla, kwaye ndingatsho ndikwazi ukuthengisa ukuze ndenze imali ngakumbi. Emva koko, ndiya kuthenga ilokhwe entle kunye nezihlangu ezintsha ezibhanya-bhaya. Xa ndihamba kwidolophana, wonke umntu uya kundincoma! Mhlawumbi nonyana kaSodolophu uya kundiqaphela. Owu, ubomi bam buya kuba mnandi kakhulu!”
Wayegcwele imincili njengoko wayecinga ngekamva lakhe. Wazibona sele enxibe ilokhwe, ehamba ngebhongo elalini. Waziva ebalulekile, waphakamisa isilevu sakhe waza waphosa intloko wakhe, kanye ngohlobo awakhe wabona ngalo amanenekazi ahloniphekileyo esenza.
Wathi esenza njalo, i-emele yashukuma. Wakhamisa waza wazama ukuyibamba, kodwa kwakusele konakele. I-emele yaqengqeleka, lwaza lonke ubisi lwaphalaka emhlabeni.
Intwazana yobisi yajonga equleni. Amaphupha akhe aphela, kanye njengobisi oluchithekileyo. Encwina kabuhlungu, wathatha i-emele engenanto waza wajongisa ekhaya.
Wathi akuchaza oko kwenzekayo, unina wanikina intloko. “Owu, mntwana wam,” watsho ngobunono, “musa ukubala iinkukhu zakho phambi kokuba ziqandusele.”
Lentwazana yaqonda ukuba ibixakeke kakhulu iphupha kangangokuba ayikhange ihoye lento iyenzayo.



















