Create your first playlist

A place for bedtime stories, classroom favourites, or a little reading practice.

New playlist

My Library

Your saved stories, ready when you are.

Your library will be available when account access is enabled.

Create your first playlist

A place for bedtime stories, classroom favourites, or a little reading practice.

New playlist

Welcome back!

Log in or sign up to save fables or add them to playlists.

Loading...

Ukufaka ikati intsimbi

Iimpuku zicinga ngecebo elikrelekrele lokuzigcina zikhuselekile kwikati. Kodwa kwenzeka ntoni xa ilixesha lokuba basenze isigcwangciso sabo?

Mice gathered nervously around a bell, debating who will place it on the cat

Audio available for B1 version

Kudala, iimpuku zazi nengxaki enkulu. Olona tshaba lwazo olukhulu, ikati, yayisoloko ibachwechwela. Babefuna icebo lokuhlala bekhuselekile.

Ngobunye ubusuku, zonke iimpuku zahlanganisana kwintlanganiso. Zatswina, zincokola zicinga.

"Singakha umgibe," yacebisa enye impuku.

"Okanye sizimele ngcono," yatsho enye.

Kodwa kwakungekho mbono ubonakala uzosebenza.

Emva koko, impuku encinci yaphakama. Yayincinci kodwa ikrelekrele kakhulu. "Ndinombono," yatsho. "Ingxaki kukuba asifane siyive ikati xa isiza. Kodwa kungaba njani ukuba sinako ukuyiva?

Ezinye iimpuku zangqiyama nganeno, zinomdla. "Njani?" enye yazo yabuza.

Yavula amehlo impukwana. "Singabophelela intsimbi entanyeni yekati. Kuzothi ke xa ishukuma ihamba, intsimbi ikhale. Siza kuyiva isiza kwaye sibe nexesha lokubaleka."

Iimpuku zavuya, “Ukrelekrele lo mbona wakho” zatswina. "Ewe, masenzeni!"

Bengeka bhiyozi kakhulu, eyona mpuku indala nelumkileyo yazilungiselela izokuthetha. Yimani kancinci yajonga kwinginginya yeempuku ezazivuya.

"Livakala ilicebo elihle ke eli kodwa ndinombuzo omnye," utshilo. "Ngubani oya kuba nesibindi ngokwaneleyo ukuba anyukele kwikati aze abophe intsimbi?"

Kwecwaka.

Iimpuku zajongana. Imisila yazo yashukuma. Iindlebe zazo zawa.

Akukho nenye eyathethayo.

Ekugqibeleni, impuku endala elumkileyo yanqwala. "Kulula ukucinga uze nesicwangciso esilumkileyo," yatsho. "Kodwa ukwenza kubanzima."

Share

Feedback

Reflection Questions

1. Kwakutheni ukuze iimpuku zibambe intlanganiso enkulu?
2. Lalisithini icebo elikrelekrele lempukwana lokodlula ikati? Yayiyintoni ingxaki ngelicebo?
3. Lifundisa ntoni eli bali ngomahluko phakathi kokwenza izicwangciso nokuzenza?
4. Kutheni kubalulekile ukuthatha uxanduva lokusombulula iingxaki kunokucebisa nje?
5. Ngeziphi ezinye iindlela zokusombulula ingxaki iimpuku zazinayo yekati?