Create your first playlist

A place for bedtime stories, classroom favourites, or a little reading practice.

New playlist

My Library

Your saved stories, ready when you are.

Your library will be available when account access is enabled.

Create your first playlist

A place for bedtime stories, classroom favourites, or a little reading practice.

New playlist

Welcome back!

Log in or sign up to save fables or add them to playlists.

Loading...

Intwazana yobisi ne-emele yayo

Intombazana eselula yobisi iphupha ngayo yonke into enokuthi iyenze ngemali yobisi lwayo. Yintoni enokuthi yenzeke xa lamaphupha wakhe enokususa amehlo akhe kwinto ekhoyo nanayo kungoku?

A milkmaid daydreaming with a pail balanced on her head, imagining her future riches

Audio available for B1 version

Ngaminazana ithile,kwakukho intwazana eselula ehambisa ubisi yayihamba isiya emarikeni. Kwaye yayithwele i-emele yobisi ngononophelo olukhulu. Ilanga lalishushu, yaye wancuma njengoko wayecinga ngazo zonke izinto awayenokuzithenga xa ethe wathengisa ubisi.

“Ngemali yolu bisi, ndiza kuthenga amaqanda alishumi elinesibini,” wacinga wenjenje. "Kungekudala, amaqanda aya kuqandusela amantshontsho. Kungekudala, ndiyakuba nomhlambi weenkukhu! Ziyakubeka amaqanda yonke imihla, kwaye ndingatsho ndikwazi ukuthengisa ukuze ndenze imali ngakumbi. Emva koko, ndiya kuthenga ilokhwe entle kunye nezihlangu ezintsha ezibhanya-bhaya. Xa ndihamba kwidolophana, wonke umntu uya kundincoma! Mhlawumbi nonyana kaSodolophu uya kundiqaphela. Owu, ubomi bam buya kuba mnandi kakhulu!”

Wayegcwele imincili njengoko wayecinga ngekamva lakhe. Wazibona sele enxibe ilokhwe, ehamba ngebhongo elalini. Waziva ebalulekile, waphakamisa isilevu sakhe waza waphosa intloko wakhe, kanye ngohlobo awakhe wabona ngalo amanenekazi ahloniphekileyo esenza.

Wathi esenza njalo, i-emele yashukuma. Wakhamisa waza wazama ukuyibamba, kodwa kwakusele konakele. I-emele yaqengqeleka, lwaza lonke ubisi lwaphalaka emhlabeni.

Intwazana yobisi yajonga equleni. Amaphupha akhe aphela, kanye njengobisi oluchithekileyo. Encwina kabuhlungu, wathatha i-emele engenanto waza wajongisa ekhaya.

Wathi akuchaza oko kwenzekayo, unina wanikina intloko. “Owu, mntwana wam,” watsho ngobunono, “musa ukubala iinkukhu zakho phambi kokuba ziqandusele.”

Lentwazana yaqonda ukuba ibixakeke kakhulu iphupha kangangokuba ayikhange ihoye lento iyenzayo.

Share

Feedback

Reflection Questions

1. Yayicinga ngantoni intombazana encinane ngoxa yayihamba isiya emarikeni?
2. Kwakutheni ukuze i-emele yobisi iwe?
3. Eli bali lisifundisa ntoni ngokulumka nokuhlala sigxile kwixesha langoku?
4. Ingaba akulunganga ukuba nezigcwangiso ngeezinto esizifunayo?
5. Ukunikela ingqalelo koko sikwenzayo ngoku kunokusinceda njani sifikelele kwiinjongo zexesha zexesha elizayo?