Inja kunye nembonakaliso yayo
Aesop | eGrisi
Ibona imbonakaliso yenja emanzini ibambe ithambo elikhulu, inja ebawayo yenza impazamo yobudenge. Ingaba ukubawa kwayo kuya kumlahlekisela into ayithandayo?

UAnansi, isigcawu esincinci, esikrelekrele, ucela umngeni kwindlovu kunye nemvubu ukuba ziqubisane kumdlalo wokutsalana. Ingaba ubukrelekrele baso bunokuphumelela ehlathini?

Iimpuku zicinga ngecebo elikrelekrele lokuzigcina zikhuselekile kwikati. Kodwa kwenzeka ntoni xa ilixesha lokuba basenze isigcwangciso sabo?

Ingonyama ixolela impuku ethembisa ngokubuyekeza inceba ngeny'imini. Ingabe impukwana ingaze iyincede njani ingonyama?

Unomyayi onxaniweyo ubhaqa ijokho enamanzi kodwa asezantsi kakhulu. Leliphi iqhinga anolisebenzisa ukuze asele amanzi?

Ngokuzinza nomonde, ufudo oluhamba kancinci lungena kukhuphiswano nomvundla ozithembileyo. Ngubani oya kuwela umgca wokugqiba kuqala?

Umgawuli (Umntu ocanda iinkuni) unceda impungutye ukuba izimele kodwa ngokufihlakeleyo abonise indawo yayo yokuzimela. Ucinga ukuba yaziva njani impungutye emva koko?

Isele elizonwabeleyo lazi ichibi lalo kuphela, lidibana nofudo lubalise ngebomi obubanzi bolwandle. Ingaba isele luyokuzuza ntoni ngaphaya kwekhaya lalo encinane?

Xa umfama ezisa inyanda yeenkuni koonyana bakhe, bayayeka ukuxambulisana. Bafundiswe njani yinyanda nje yeenkuni?
Ngenye imva kwemini eqaqambileyo, inja elambileyo yafumana ithambo elikhulu elinencindi enamnandi. Umsila wakhe washukuma luvuyo njengoko wayechola ithambo. "Usuku lwethamsanqa!" wacinga, ebambe ithambo emlonyeni wakhe ngokuqinileyo. Wayengakwazi ukulinda ukuze afumane indawo ezolileyo ukuze anambithe ukutya kwakhe okunencasa.
Njengoko wayegoduka, wafika kwibhulorho eyenziwe ngamaplanga phezu komsinga ocacileyo nothambileyo. Amanzi ayemenyezela elangeni. Enomdla, wajonga phantsi waza wakhefuzela.
Apha ngezantsi, enye inja yayimjongile, iphethe ithambo elikhangeleka lilikhulu kwaye linencindi! Amehlo enja akhula banzi ngenxa yochulumanco. "Ela thambo likhangeleka lingcono kunelam!" wacinga. “Ndiwafuna omabini.”
Ngaphandle kokucinga, Wakhonkotha kakhulu, “Hawu!” ukuzama ukoyikisa enye inja ekude.
Kwathi njengoko wayevula umlomo wakhe, Gxumfu! thambo lakhe latyibilika emazinyweni laza lawela emlanjeni. Wabukela ethukile njengoko ladada emanzini laze latshona.
Inja yangqiyama ngaphaya kwesiphelo sebhulorho, izama ukubamba ithambo layo, kodwa yayisele ishiywe lixesha. lalingasekho. Yathi yakujonga ngasemva emanzini, enye inja inyamalele nayo.
Yayingeyiyo enye inja kwaphela. Yayiyimbonakaliso wakhe kuphela!
Ngentliziyo ebuhlungu, inja yajika yahamba. Yayinqwenela ukuba yayikuvuyele oko yayinako, endaweni yokuzama ukufumana okungakumbi.

Inja kunye nengcuka
Ingcuka elambileyo inomona ngobomi benja eyondliwe kakuhle ngabantu. Ingaba uya kuyincama inkululeko yakhe, eyincamela ukutya?

Impungutye kunye nengwamza
Impungutye ekrelekrele idlala iqhinga kwingwamza kwisidlo sangokuhlwa. Kodwa xa ilithuba lengwamza ukulungiselela ukutya, ngubani ozakuhlakanipha kunomnye?

Inkwenkwe ekhaliswa yingcuka
Inesithukuthezi nokugeza, inkwenkwe engumalusi iqhatha abantu belali ngokukhwaza ingcuka. Kodwa kuya kwenzeka ntoni xa ekugqibeleni kuvela ingcuka yokwenene?

Ixhego eliphulukene nehashe lalo
Ixhego lijongene neziganeko ezilungileyo nezimbi ngokuzolileyo. Ingaba into ekhangeleka ngathi lishwangusha inokuzisa into entle, okanye ngenye indlela?

Noxa intethe idanisa ehlotyeni, imbovane isebenza nzima, iqokelela ukutya. Sesiphi esiya kusinda xa kufika ubusika?

Utyelela umhlobo wakhe wasesixekweni, impuku yasemaphandleni imangaliswa bubomi obuzaliswe zizinto ezimnandi. Kodwa, ingaba iyamangalisa njengoko ibonakala?

Utatomkhulu uphathwa kakubi ngunyana nomolokazana wakhe. Yintoni eya kubanceda bayiqonde impazamo yabo baze batshintshe indlela abamphatha ngayo?

Umoya onamandla waseMantla neLanga elizolileyo zizama ukwenza umkhenkethi akhulule ibhatyi yakhe ukubonakalisa ukuba ngubani onamandla. Ngomphi ozophumelela?

Intombazana eselula yobisi iphupha ngayo yonke into enokuthi iyenze ngemali yobisi lwayo. Yintoni enokuthi yenzeke xa lamaphupha wakhe enokususa amehlo akhe kwinto ekhoyo nanayo kungoku?

Umqingqi wamatye unqwenela ukuba ngumntu omkhulu ngalo lonke ixesha ebona amandla angakumbi. Kodwa ingaba ukufumana yonke into ayifunayo kuya kumenza onwabe ngokwenene?

Utata nonyana bahamba nedonki. Wonke umntu unento yokuthetha. Kwenzeka ntoni xa bezama ukubakholisa bonke?

Iikati ezimbini zifumana isonka kodwa ziyaphikisana ngokwabelana ngesonka ngokulinganayo. Inkawu enobuqhophololo inika uncedo, kodwa ingaba inkawu ifanelwe yintembeko yazo?
