Create your first playlist

A place for bedtime stories, classroom favourites, or a little reading practice.

New playlist

My Library

Your saved stories, ready when you are.

Your library will be available when account access is enabled.

Create your first playlist

A place for bedtime stories, classroom favourites, or a little reading practice.

New playlist

Welcome back!

Log in or sign up to save fables or add them to playlists.

Loading...

Unomyayi nejokho

Unomyayi onxaniweyo ubhaqa ijokho enamanzi kodwa asezantsi kakhulu. Leliphi iqhinga anolisebenzisa ukuze asele amanzi?

A thirsty crow dropping pebbles into a tall pitcher to raise the water level

Audio available for B1 version

Ngenye imini efudumeleyo, egqubayo, unomyayi wabhabha ngentla komhlaba owomileyo ezingela amanzi. "Ndinxaniwe! Ndidinga amanzi.”

Emveni kwethuba elide lokuzingela, yetshe into ekudeni. Kwakuhleli ijokho phezukwesanti. Kwazala ithemba entliziyweni kanomyayi, waleqa kuze afumane ingqwalasela.

Wakroba ngaphakathi, kwabe kukho intwana yamanzi ngezantsi. "Oh yhini! Andikwazi ukufikela kuwo" esitsho edanile.

Ijokho yayinzulu kakhulu, ibhityile. Wazama ukuvula umlomo, kwabe kungafikeki emanzini.

Wangabacinga unomyayi "Ndingenza njani?"

Waqaphela ilityana phantsi, kweqatha iqhinga. Wachola ilitye ngomlomo, Gxumfu! Waphinda ngelinye, Gxumfu! Kwabangangena ilitye, amanzi aye esonyukela. Ekugqibeleni, amanzi enyukela ngokwaneleyo.

Unomyayi we nxu umlomo warhabula amanzi. “Ahh! Kwatsho kwangcono!” esitsho ngovuyo, ekholesekile. Waphekuza iimpiko yimincili wandiza unomyayi okrelekrele, Sele elungele uhambo lwakhe olulandelayo.

Share

Feedback

Reflection Questions

1. Bekutheni ukuze unomyayi akhangele amanzi?
2. Unomyayi wenze njani ukuze akwazi ukusela amanzi?
3. Uyakwazi ukucinga ngexesha apho wakwazi ukusebenzisa ubukrelekrele ukufumana isisombululo?
4. Lifundisa ntoni eli bali ngokufumana izisombululo kwingxaki?
5. Ukucingisisa phambi kokuba wenze into kungakunceda njani ebomini bakho besiqhelo?