Inkwenkwe ekhaliswa yingcuka
Aesop | eGrisi
Inesithukuthezi nokugeza, inkwenkwe engumalusi iqhatha abantu belali ngokukhwaza ingcuka. Kodwa kuya kwenzeka ntoni xa ekugqibeleni kuvela ingcuka yokwenene?
Kwathi ke kaloku, inkwenkwana engumalusi yayikhathalela iigusha zaloo lali. Suku ngalunye, wayezikhokhelela kwintsimi enengca ekufuphi nehlathi aze azijonge endulwini.
Le nkwenkwana yayidla ngokuziva ikruqukile yaye inesithukuthezi kuba kwakungekho bantwana bambi bokudlala nabo. Ngenye imini, wayenombono wokuzonwabisa. Wabalekela elalini, ekhwaza esithi, "Ingcuka! Ingcuka! Ingcuka ihlasela igusha!"
Besiva isikhalo sakhe, abahlali baloo lali balahla yonke into baza bagxalathelana ukuya kunceda. Kodwa bakufika, kwakungekho ngcuka, yaye izimvu zaziphilile. Inkwenkwe yagqabhuka yintsini.
“Ndiniqhathile!” wagigitheka.
Abahlali baloo lali bafinga iintshiya. “Ayihlekisi lonto ungaze uxoke ngengozi!” bamthethisa ngaphambi kokuba babuye umva.
Emva Kweentsuku ezimbalwa, le nkwenkwana yaphinda yabanesithukuthezi. Wagqiba ekubeni adlale iqhinga elifanayo. Ngoko wabalekela elalini waza wakhwaza esithi, "Ingcuka! Ingcuka! Ingcuka ihlasela igusha!"
Kwakhona, babaleka abahlali belali bayonceda, kodwa kwakhona, kwakungekho ngcuka. Yaqengqeleka inkwenkwe emhlabeni, ihleka.
Kwelixa, abahlali belali babenomsindo “Musa uthi ingcuka! ,ingcuka! xa kungekho ngcuka.” batsho bemlumkisa. “Ngenye imini, akuyi kubakho mntu oza kukukholwa.
Yanyusa amagxa inkwenkwe yathi “abayazi indlela yokonwaba.”
Zange kube kudala, isibhakabhaka saguquka, amahlahla arhashaza. Ingcuka yokwenene ye gqi. Amazinyo ayo abukhali ekhazimla njengoko yayisondela kwiigusha.
Yabetha kakhulu intliziyo yekwekwe. “Hayi, yenzeka nyani ngoku! “
Wabalekela elalini ngokukhawuleza kangangoko wayenako, ekhala, “Ingcuka!” “Ingcuka! Ingcuka yokwenene ihlasela iigusha! Ndicela uncedo!”
Kodwa abantu belali abazange bamkholelwe. “Udlala nje elinye iqhinga,” batsho, beshukumisa intloko zabo. Akukho mntu weza kumnceda.
Kwathi xa inkwenkwe ibuyela entsimini, iigusha zazingasekho. ezinye zabalekela ehlathini, noxa ezinye zonzakaliswe yingcuka.
Inkwenkwe yahlala phezu kwenduli, ilila. Wayexoke izihlandlo ezininzi. Ngoku, xa wayefuna uncedo ngokwenene, akukho mntu wamkholelwayo.

Ixhego nomzukulwana walo
Utatomkhulu uphathwa kakubi ngunyana nomolokazana wakhe. Yintoni eya kubanceda bayiqonde impazamo yabo baze batshintshe indlela abamphatha ngayo?

Impungutye kunye nengwamza
Impungutye ekrelekrele idlala iqhinga kwingwamza kwisidlo sangokuhlwa. Kodwa xa ilithuba lengwamza ukulungiselela ukutya, ngubani ozakuhlakanipha kunomnye?

Impuku yedolophu kunye nempuku yasemaphandleni
Utyelela umhlobo wakhe wasesixekweni, impuku yasemaphandleni imangaliswa bubomi obuzaliswe zizinto ezimnandi. Kodwa, ingaba iyamangalisa njengoko ibonakala?

Iikati ezimbini kunye nenkawu
Iikati ezimbini zifumana isonka kodwa ziyaphikisana ngokwabelana ngesonka ngokulinganayo. Inkawu enobuqhophololo inika uncedo, kodwa ingaba inkawu ifanelwe yintembeko yazo?
