Isele echibini
Zhuangzi | iTshayina
Isele elizonwabeleyo lazi ichibi lalo kuphela, lidibana nofudo lubalise ngebomi obubanzi bolwandle. Ingaba isele luyokuzuza ntoni ngaphaya kwekhaya lalo encinane?
Kwathi kwathi ngaminazana ithile, kwichibana elinzulu ehlathini elikhululu. Isele elalonwabile lenza ikhaya lalo. Lendawana incinci yiyo yodwa elisele laliyazi. Lali xhuma-xhuma, liqubha kwamanzi apholileyo, lizidlalela nezihlobo zalo, unonkala neentlanzi. Lalicinga ukuba liphila obona bomi.
Ngeny’ imini efudumeleyo, kwafika ufudo olukhulu ehlathini. Luhambele kude kulwandle lwasentshona, lwandle elo lwalulukhulu, lunzulu kwaye luneendidi zezinto ezimangalisayo.
Lathi ufudo lokuva isele lidlala, lajonga echibini. Isele lathi lokubona olundwendwe lakhwaza “Molo mhlobo! Ubomi bam kwelichibi bumnandi ukufa. ndiyaxhuma, ndiqubhe, ndidlale imini yonke. Ndibona yonke into kwaye ndim ophetheyo! kutheni ungangeni uzokonwaba?”
Ngenxa yomdla, lwazama ukungena echibini ufudo, kodwa hayi khona! Ichibi lwaluluncinci kakhulu!wabangazama ukuzinyakathisa waxinga. Ukuyiqonda kwalo ukuba akwenzeki lwabuya umva, lwaqala ukubalisa ngekhaya lwalo entshonalanga.
“Ikhaya lam, likhulu, ligqithela ngapha kokuba amehlo ebona. Lunzulu, akekho umntu owakhe wafikela ezantsi. Intshonalanga inamaza amakhulu ukogqitha imithi yalapha, luneendidi zezidalwa. Ezinye zigqamile ziyimibalabala, ezinye azigqibeki kodwa zonke ziyamangaza. Likhulu kangokuba noba kunetha iminyaka okanye akunethi lihlala lihleli.”
Egqa amehlo esele,liqala ukuyiqonda ukuba kukho ilizwe elikhulu kunechibi. Isele lazama ukuba nomfanekiso ngqondweni wamaza, ubunzulu, nezizidalwa ekuthethwa ngazo, yabe intsha kraca yonke lembali kulo.
Lathi lukuqhubekeka nehambo lalo ufudo, lashiyeka isele lithe ngcu ecaleni lwechibi elo. Lwabe luyiqonda ukuba elikhayana lalo lemfudumalo lungcungcwana kwilizwe elikhulu elimangalisayo, kwaye zininzi izinto elalungazange luzibone.
Lonto ke, isele lwaqonda ukuba mhlawumbi lixesha lokulishiya ichibi likhe libone ezinye izinto, Ilizwe elikhulu lwalulindele ukumbonisa ububanzi nobuhle obukhoyo.

Imbovane kunye nentethe
Noxa intethe idanisa ehlotyeni, imbovane isebenza nzima, iqokelela ukutya. Sesiphi esiya kusinda xa kufika ubusika?

Umrhwebi kunye nedonki
Emva kokutyibilika emlanjeni, idonki libona umthwalo wayo onzima usiba khaphukhaphu. Kodwa kwenzeka ntoni xa eqalisa ukwenza ngabom?

Ixhego eliphulukene nehashe lalo
Ixhego lijongene neziganeko ezilungileyo nezimbi ngokuzolileyo. Ingaba into ekhangeleka ngathi lishwangusha inokuzisa into entle, okanye ngenye indlela?

Inyanda yeenkuni
Xa umfama ezisa inyanda yeenkuni koonyana bakhe, bayayeka ukuxambulisana. Bafundiswe njani yinyanda nje yeenkuni?
