Ixhego eliphulukene nehashe lalo
Ngokwemveli | iTshayina
Ixhego lijongene neziganeko ezilungileyo nezimbi ngokuzolileyo. Ingaba into ekhangeleka ngathi lishwangusha inokuzisa into entle, okanye ngenye indlela?
Kudala, kwakukho ixhego elalihlala nonyana walo kwilali ethe cwaka. Babengabantu abathanda amahashe, bewakhulisa, besoloko bewakhwela bejikeleza emaphandleni. Ngenye imini, elinye lamahashe abo elihle labaleka, laphuma laqhwesha laya ezweni elikude.
Bathe abamelwane bokuyiva lento, bakhawuleza baya endlwini yexhego ukuyokubonakalisa uvelwano.
"Oh, ilishwa elingaka! Ukulahlekelwa lihashe elixabisekileyo ngoluhlobo!" batsho. Kodwa ixhego alibonisanga sizi. Lavela lancuma kancinci lathi, "Ngubani owaziyo? Mhlawumbi ukulahleka kwalo eli hashe akulilishwa.”
Abahlali basala bedidekile yilentetho, baze bemka bamshiya yedwa.
Kwadlula iiveki ezimbalwa, kungacingelwanga, labuya ihashe. Alibuyanga lodwa, labuya lihamba nelinye ihashe lasendle elihle elimnyama. Abamelwane, bevuyiswa lelithamsanqa, babaleka kwakhona baya kuvuyisana nexhego.
"Unethamsanqa! Ngoku unamahashe amabini amahle!" batsho. Kodwa ixhego alibonisanga kuchwayita njengoko bebelindele. Endaweni yoko lathi, "Ngubani owaziyo? Mhlawumbi eli hashe litsha lisenongazi nantlahla.
Abahlali badideka ngaphezulu kodwa bathi cwaka.
Unyana wexhego wayethanda ukukhwela amahashe, waza wanqwenela ukuvavanya eli litsha. Ngenye imini, walikhwela waya entsimini. Kodwa ngelishwa, ihashe lasendle lothuka, lamwisa phantsi. Inkwenkwe yawa yophuka umlenze. Kwakhona, abamelwane beza endlwini yendoda endala, kwelityeli, bezisa amazwi entuthuzelo.
"Uxolo kakhulu ngomlenze wonyana wakho. Yintlekele le!" batsho. Kodwa ixhego lathatha umoya lanyikimisa amagxa lathi, "Ngubani owaziyo? Mhlawumbi ayimbi kangako
nibona lemeko."
Abahlali banyikinya iintloko, becinga ukuba ixhego ilbhidekile lolusizi. Akudlulanga ixesha elide, kwaqhambuka imfazwe. Amajoni eNkosi eza elalini ethatha onke amakhwenkwe asemacinci ukuba ayokulwa. Abaninzi bathathwa ngenkani, kodwa unyana wexhego washiyeka ngenxa yomlenze wakhe owaphukileyo. Ngelishwa, amakhwenkwe amaninzi emfazweni akazange abuye.
Kulapho abamelwane baqonda khona ukuba ixhego belikrelekrele. Oko babekuthatha njengelishwa, kwaba sisipho esisindise ubomi bonyana wakhe.
Ixhego lijongene neziganeko ezilungileyo nezimbi ngokuzolileyo. Ingaba into ekhangeleka ngathi lishwangusha inokuzisa into entle, okanye ngenye indlela?

Impungutye kunye nengwamza
Impungutye ekrelekrele idlala iqhinga kwingwamza kwisidlo sangokuhlwa. Kodwa xa ilithuba lengwamza ukulungiselela ukutya, ngubani ozakuhlakanipha kunomnye?

Umrhwebi kunye nedonki
Emva kokutyibilika emlanjeni, idonki libona umthwalo wayo onzima usiba khaphukhaphu. Kodwa kwenzeka ntoni xa eqalisa ukwenza ngabom?

INgonyama neMpuku
Ingonyama ixolela impuku ethembisa ngokubuyekeza inceba ngeny'imini. Ingabe impukwana ingaze iyincede njani ingonyama?

Imbovane kunye nentethe
Noxa intethe idanisa ehlotyeni, imbovane isebenza nzima, iqokelela ukutya. Sesiphi esiya kusinda xa kufika ubusika?
