Create your first playlist

A place for bedtime stories, classroom favourites, or a little reading practice.

New playlist

My Library

Your saved stories, ready when you are.

Your library will be available when account access is enabled.

Create your first playlist

A place for bedtime stories, classroom favourites, or a little reading practice.

New playlist

Welcome back!

Log in or sign up to save fables or add them to playlists.

Loading...

Indoda, inkwenkwana, kunye nedonki

Utata nonyana bahamba nedonki. Wonke umntu unento yokuthetha. Kwenzeka ntoni xa bezama ukubakholisa bonke?

A father and son walking beside their donkey as villagers stop to stare and comment

Audio available for B1 version

Kwathi ke kaloku, indoda nonyana wayo babesa idonki labo emarikeni. ILanga lalishushu, nendlela yayinothuli.

Umhambi owayezihambela wababona waze wahleka. "Kutheni uhamba ngenyawo kodwa unedonki?" wabuza. "Omnye wenu kufuneka alikhwele!"

Ekuvile oku, indoda yakhwelisa unyana wayo edonkini.

Besahamba njalo, badlula kwamanye amadoda. Omnye wabo wafinga iintshiyi. "Jonga laa nkwenkwe ikhwele, kodwa uyise uhamba ngenyawo!”

Le ndoda yaziva ineentloni, yanceda unyana wayo ukuba ehle kwidonki, kwakhwela yena.”

Kungekudala, badibana nabafazi ababini. Omnye washukumisa intloko. "Lihlazo ke eli! Indoda ikhwele idonki kodwa inkwenkwana yayo kufuneka ihambe ngeenyawo."

Indoda yabonakalisa ukutyhafa. Yaphakamisa unyana wayo yamnyusa edonkini ukuze bakhwele bobabini.

Ukufika kwabo edolophini, abantu babekhomba kwaye basebeza, “Bakhohlakele! Balithwalisa ubunzima kakhulu noko idonki, nalo liyadinga ukuphumla!”

Utata nonyana wakhe baziva becaphukile, bobabini behla edonkini. Bengazi ukuba mabenze ntoni na.babophelela amanqina edonki baza bayithwala.

Bathe besawela ibholorho, isihlwele sahlanganisana, sihleka yaye sibakhomba. Idonki, isoyika ingxolo, yashukuma yaze yakhaba-khaba. Le nkwenkwana ayizange ibambisise, idonki yawela emlanjeni. Kuba iinyawo zalo zazibotshelelwe, zange likwazi ukuqubha.

Utata nonyana bothuka, balibukela idonki labo liinyamalala litshona emanzini.

Ixhego elalikufuphi nabo labona okwenzekileyo. Lashukumisa intloko lathi, "Ukuba uzama ukukholisa wonke umntu, uzophela ungakholisi namnye umntu.”

Share

Feedback

Reflection Questions

1. Kwakutheni ukuze indoda nonyana wayo baqhubeke betshintsha izenzo zabo baze baphele bethwele idonki?
2. Kwenzeka ntoni kwidonki xa babewela ibholorho?
3. Yayiyimpazamo kabani? Kutheni usitsho?
4. Ingaba unokucinga ngexesha apho utshintshe izenzo zakho ngenxa ucingela ukuba abanye abantu bazothni?
5. Eli bali lingakunceda njani ukuba wenze izigqibo ezingcono xa ujongene nokugxekwa okanye izimvo zabanye abantu?