Umqingqi wamatye
Ngokwemveli | eJapan
Umqingqi wamatye unqwenela ukuba ngumntu omkhulu ngalo lonke ixesha ebona amandla angakumbi. Kodwa ingaba ukufumana yonke into ayifunayo kuya kumenza onwabe ngokwenene?
Ngaphambili, kwakukho indoda elihlwempu eyayisebenza njengomqingqi wamatye. Mihla le, wayenyuka intaba, eqhekeza amatye, aze athwale amatye anzima esiya kuthengisa emarikeni. Wayesoloko esebenza nzima.
Ngenye imini, wadlula kwindlu yesityebi. wayibona indoda esisityebi ihleli kakuhle emthunzini, inabasebenzi bemzisela ukudla. Umqingqi wamatye wathethela ezantsi wathi, “Isityebi sibhetele kunam, ukuba bendisisityebi, ngendonwabe ngokwenene.
Wamva umoya wentaba waza wamnika umnqweno wakhe. Ngequbuliso, umqingqi wamatye wazifumana ekwindlu entle enezicaka ezimzisela ukutya. “Ngoku ndiza konwaba ngokwenene,” wacinga njalo. Kodwa emva kweentsuku ezimbalwa, walibona ibhotwe lokumkani efestileni yakhe. Lalilikhulu kwaye lilihle kakhulu kunendlu yakhe.
“Ukumkani mkhulu kunam,” watsho. Ukuba bendingukumkani, bendiya konwaba ngokwenene.
Kwakhona wamva umoya wentaba, wamenza ukumkani. Wahlala kwiitrone ezinkulu, yaye abakhonzi abaninzi bawuthobela yonke imiyalelo yakhe. “Ngoku ndiza konwaba ngokwenene,” wacinga njalo. Kodwa kungekudala, ilanga laliqaqambile kangangokuba kwafuneka azifihle ngaphakathi.
“Ilanga linamandla kunam,” watsho. Ukuba bendililanga, bendiya konwaba ngokwenene.
Waphinda wamva umoya, wasuka waba lilanga likhanya phezu komhlaba. Abantu bazimela ngenxa yobushushu bakhe, wabe ecinga, “Ngoku ndiza konwaba ngokwenene.” Kodwa ke, ilifu lamsibekela, lasitha ukukhanya kwakhe.
“Ilifu lomelele kunam,” watsho. Ukuba bendilifu, bendinokonwaba ngokwenene.
Umoya wentaba wamguqula waba lilifu. Wagalela imvula emhlabeni, yaye abantu babalekela ekhusini. “Ngoku ndiza konwaba ngokwenene,” wacinga njalo. Kodwa xa inetha entabeni, intaba yema yomelela, ingachatshazelwa yimvula.
“Intaba yomelele kunam,” watsho encwina. Ukuba bendiyintaba, ngendonwabe ngokwenene.
Umoya wentaba wamenza intaba, ende, eyomeleleyo. “Ngoku ndiza konwaba ngokwenene,” wacinga njalo. Kodwa kungekudala, wabona umqingqi wamatye egqabhuka kuye, emsika amatye ecaleni.
“Umqingqi wamatye mkhulu kunam,” watsho. Ukuba bendingumqingqi wamatye, bendiya konwaba ngokwenene.”
Umoya wentaba wamva kwakhona waza wamguqula ukuba abe ngumnqingqi wamatye olula. Le ndoda yancuma yaza yabulela.
Wathi: “Ndiyavuya njengokuba ndinje. Enovuyo entliziyweni yakhe, wabuyela emsebenzini, engazange afune ukuba ngomnye umntu kwakhona.”

Ixhego eliphulukene nehashe lalo
Ixhego lijongene neziganeko ezilungileyo nezimbi ngokuzolileyo. Ingaba into ekhangeleka ngathi lishwangusha inokuzisa into entle, okanye ngenye indlela?

Intwazana yobisi ne-emele yayo
Intombazana eselula yobisi iphupha ngayo yonke into enokuthi iyenze ngemali yobisi lwayo. Yintoni enokuthi yenzeke xa lamaphupha wakhe enokususa amehlo akhe kwinto ekhoyo nanayo kungoku?

Umoya wasemantla neLanga
Umoya onamandla waseMantla neLanga elizolileyo zizama ukwenza umkhenkethi akhulule ibhatyi yakhe ukubonakalisa ukuba ngubani onamandla. Ngomphi ozophumelela?

Ufudo nomvundla
Ngokuzinza nomonde, ufudo oluhamba kancinci lungena kukhuphiswano nomvundla ozithembileyo. Ngubani oya kuwela umgca wokugqiba kuqala?
