Create your first playlist

A place for bedtime stories, classroom favourites, or a little reading practice.

New playlist

My Library

Your saved stories, ready when you are.

Your library will be available when account access is enabled.

Create your first playlist

A place for bedtime stories, classroom favourites, or a little reading practice.

New playlist

Welcome back!

Log in or sign up to save fables or add them to playlists.

Loading...

Impuku yedolophu kunye nempuku yasemaphandleni

Utyelela umhlobo wakhe wasesixekweni, impuku yasemaphandleni imangaliswa bubomi obuzaliswe zizinto ezimnandi. Kodwa, ingaba iyamangalisa njengoko ibonakala?

A country mouse marveling at a lavish feast in his city cousin's home

Audio available for B1 version

Kwathi ke kaloku, kwidolophu eyayiphithizela, igcwele zizibane ezikhanyayo neezithuthi, kwakukho impuku yedolophu. Yayithanda imiqamelo ethambileyo, ukutya okunencasa kunye nezidlo ezikhulu rhoqo.

Kude apho, emaphandleni azolileyo, kwakuhlala umhlobo wakhe omkhulu, impuku yasemaphandleni. Ubomi bakhe babulula, kubetha umoya opholileyo, amasimi evulekile, enako ukutya okuncinci kodwa kumnandi.

Ngenye imini, impuku yedolophu yatyelela umhlobo wayo. ILanga laligqatsa emasimini, yaye umoya wawunuka iintyatyambo. Impuku yasemaphandleni yamamkela ngokufudumeleyo.

"Wamkelekile, mhlobo! Ndikwenzele isidlo esimnandi!" wancwina, ebeka iinkozo, iingcambu namaqunube.

Impuku yedolophu yaluma, yaza yafinga iintshiyi. "Mhlobo wam endimthandayo, oku kutya akunikisi mdla! Edolophini, sinetshizi, ikeyiki, neziqhamo ezimnandi. Kufuneka uze uzozibonela!"

Yakhupha amehlo impuku yasemaphandelni, "Itshizi kunye nekeyiki? kuvakala kumangalisa! oko."

Ngosuku olulandelayo, bakhawuleza ukuya esixekweni. Impuku yasemaphandleni yamangaliswa zizakhiwo ezinde, izibane eziqaqambileyo namavumba amnandi. Impuku yedolophu yamkhokelela kwindlu enkulu apho ukutya kwakugcwele itafile, Iitshizi, amandongomane, iziqhamo kunye nekeyiki.

"Yiya! Yitya kangangoko uthanda!" impuku yedolophu yathetha ngokuzingca.

Impuku yasemaphandleni yayonwabele eyona itshizi imnandi. Kodwa yathi yakufika ekeyikini ucango lwavaleka ngesithonga esikhulu. Kwavakala izingqi zeenyawo zizitsho phantsi. Yayingabantu ababehlala apho, kunye nekati yabo enkulu eyoyikekayo.

"Khawuleza! Fihla!" impuku yedolophu yasebeza.

Iimpuku zabaleka ngokukhawuleza kangangoko zinako, zachitha ubusuku zizimele emva kwezitulo, phantsi kweeragi, nangasemva kweekomityi zeti.

Ekuseni, impuku yasemaphandleni yayidiniwe. Yajonga isidlo eiskhulu, emva koko yamjonga umhlobo wakhe.

"Enkosi ngohambo," watsho, "kodwa le asiyondlela yokuphila! Ndingathanda ukuba nesidlo esilula kwaye ndilale ngoxolo kunokuba nditye njengekumkani kodwa ndiphile ngoloyiko."

Impuku yedolophu yaphefumlela ezantsi. “Ayinguye wonke umntu owenzelwe ubomi besedolophini.”

Bathi ndlela-ntle, yaza impuku yasemaphandleni yabuyela kwikhaya layo elizolileyo nelikhuselekileyo.

Share

Feedback

Reflection Questions

1. Kwakutheni ukuze impuku yedolophu imeme impuku yasemaphandleni ukuba ityelele isixeko?
2. Yintoni eyenza impuku yasemaphandleni yagqiba kwelokuba ibuyele kwikhaya layo elisemaphandleni?
3. Ingaba ukhe watyelela indawo eyahluke kakhulu kwikhaya lakho? Uzive njani ngayo?
4. Ucinga ukuba yintoni ebaluleke ngakumbi: ukuphila ubomi obulula apho uziva ukhuselekile okanye unezinto ezininzi ezinomdla kodwa uziva usoyika? Kutheni usitsho?
5. Singasisebenzisa njani isifundo seli bali ebomini bethu ukuxabisa okulula kunye nokhuseleko?