Isikhephe esingenanto
Zhuangzi | iTshayina
Indoda ezipholele kwisikhephe sayo iba nomsindo ngethuba ingqutywa lelinye iphenyane. Yintoni etshintshayo xa ebona kungekho mntu ngaphakathi?
Ngenye imini ethulileyo, indoda eyayizithandela uxolo nenzolo yathabatha iphenyane layo elincinane yaya echibini. Amanzi ayemtyibilizi okweglasi, izandi ezazivakala yayayimithi nokubetha kwamaza ngobunono.
Wabheka enzulwini yamanzi, kungekho mntu unokumkhathaza. Emva koko, wabophelela iphenyane lakhe elityeni, wacimela, waphefumlela. “Ahh…kuthuleke kamnandi,” eziva enoxolo ngokupheleleyo.
Lahamba ixesha, ehleli enwabela lompolo emyoli. Ingqondo yakhe yacinga apha naphaya , eziphumlele. Esiva ubushushu belanga kunye nokushukuma kwephenyane lakhe ngokuzolileyo.
Gqu! Kwatsho isithonga ngequbuliso. Kwabakho into engqubeka kwiphenyane lakhe.
Waqhubeka wavala amehlo akhe , kodwa wabe ecapukile. "Ngubani lo unesibindi sokundiphazamisa, ngexesha lam lokuphumla?” waziva ukuba umsindo wakhe uyanyuka.
Wayekulungele ukungxolisa nabani na okwelinye iphenyane.
Uthe wokuvula amehlo akhe, wamangaliswa. Kwakungekho mntu kwiphenyane elangqubana nelakhe kwaye kungekho nto. Umoya wawuvuthuza waliphaphathekisa layongena kwelakhe.
Lo mfo wajonga iphenyane elingenanto, kancinci kancinci , umsindo wakhe wehla. “Iphenyane alizange lindicaphukise,” waqonda. "Umsindo wawusele ungaphakathi kum, ndilinde nje into enokundichukumisa ndicapuke ndibenomsindo.”
Ukususela ngaloo mini, nanini na xa kukho into emcaphukisayo, wayencuma aze azikhumbuze, "Liphenyane elingenanto." Ngaloo ndlela, wafunda ukuhlala ezolile, kungakhathaliseki ukuba yintoni emphazamisayo.

Ixhego nomzukulwana walo
Utatomkhulu uphathwa kakubi ngunyana nomolokazana wakhe. Yintoni eya kubanceda bayiqonde impazamo yabo baze batshintshe indlela abamphatha ngayo?

Inja kunye nengcuka
Ingcuka elambileyo inomona ngobomi benja eyondliwe kakuhle ngabantu. Ingaba uya kuyincama inkululeko yakhe, eyincamela ukutya?

Irhanisi elabeka amaqanda eGolide
Umfama nenkosikazi yakhe banambitha ubutyebi kumaqanda abo egolide erhanisi. Kwenzeka ntoni xa ukubawa kubenza bafune yonke igolide ngaxeshanye?

Isele echibini
Isele elizonwabeleyo lazi ichibi lalo kuphela, lidibana nofudo lubalise ngebomi obubanzi bolwandle. Ingaba isele luyokuzuza ntoni ngaphaya kwekhaya lalo encinane?
