Welcome back!

Log in or sign up to like, bookmark or add fables to playlists.

Loading...

Isikhephe esingenanto

Indoda ezipholele kwisikhephe sayo iba nomsindo ngethuba ingqutywa lelinye iphenyane. Yintoni etshintshayo xa ebona kungekho mntu ngaphakathi?

A man's anger fading as he realizes the boat that bumped him is empty

Audio available for B1 version

Ngenye imini ethulileyo, indoda eyayizithandela uxolo nenzolo yathabatha iphenyane layo elincinane yaya echibini. Amanzi ayemtyibilizi okweglasi, izandi ezazivakala yayayimithi nokubetha kwamaza ngobunono.

Wabheka enzulwini yamanzi, kungekho mntu unokumkhathaza. Emva koko, wabophelela iphenyane lakhe elityeni, wacimela, waphefumlela. “Ahh…kuthuleke kamnandi,” eziva enoxolo ngokupheleleyo.

Lahamba ixesha, ehleli enwabela lompolo emyoli. Ingqondo yakhe yacinga apha naphaya , eziphumlele. Esiva ubushushu belanga kunye nokushukuma kwephenyane lakhe ngokuzolileyo.

Gqu! Kwatsho isithonga ngequbuliso. Kwabakho into engqubeka kwiphenyane lakhe.

Waqhubeka wavala amehlo akhe , kodwa wabe ecapukile. "Ngubani lo unesibindi sokundiphazamisa, ngexesha lam lokuphumla?” waziva ukuba umsindo wakhe uyanyuka.
Wayekulungele ukungxolisa nabani na okwelinye iphenyane.
Uthe wokuvula amehlo akhe, wamangaliswa. Kwakungekho mntu kwiphenyane elangqubana nelakhe kwaye kungekho nto. Umoya wawuvuthuza waliphaphathekisa layongena kwelakhe.

Lo mfo wajonga iphenyane elingenanto, kancinci kancinci , umsindo wakhe wehla. “Iphenyane alizange lindicaphukise,” waqonda. "Umsindo wawusele ungaphakathi kum, ndilinde nje into enokundichukumisa ndicapuke ndibenomsindo.”

Ukususela ngaloo mini, nanini na xa kukho into emcaphukisayo, wayencuma aze azikhumbuze, "Liphenyane elingenanto." Ngaloo ndlela, wafunda ukuhlala ezolile, kungakhathaliseki ukuba yintoni emphazamisayo.

Share

Feedback

Reflection Questions

1. Kwakutheni ukuze le ndoda ibe nomsindo xa isikhephe singqubeka kwesayo?
2. Yaqonda ntoni le ndoda xa yayivula amehlo ayo yaza yabona iphenyane elingenanto?
3. Ingaba unokucinga ngexesha apho waziva ukhathazekile kodwa emva koko waqonda ukuba imeko yayingelotyala lamntu?
4. Eli bali lisifundisa ntoni ngokuqondana neemvakalelo zethu?
5. Sinokuhlala njani sizolile xa kukho into esicaphukisayo?